UMongameli uCyril Ramaphosa exhagwe nguMnu. Velenkosi Hlabisa onuMphathiswa woorhulumente basemakhaya nenkokeli yeMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane.
Image: EC Premier/Facebook
UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, uyincomile inkqubelaphambili eyenziwe nguRhulumente kwiphondo leMpuma Koloni - kodwa kwangaxeshanye, uvakalise ukuxhalaba kwakhe kukuhexa kolawulo, ukungaphathwa kakuhle kwemali kaRhulumente norhwaphilizo olondeleyo koomasipala.
Phakathi kwiveki ephelileyo, uMongameli nesigqeba sakhe batyelele iMpuma Koloni. Injongo ephambili ibikukujonga indlela asebenza ngayo uRhulumente wephondo noomasipala ekukhalwa ngabo ngabantu. UMongameli Ramaphosa negqiza lakhe bafikele eGqeberha - apho bekubanjelwe khona intlanganiso yeentsuku ezimbini.
Ngosuku lokuqala, uRamaphosa wamkelwe ngoqhankqalazo lwabantu abagqamise izinto azingahambi kakuhle eNelson Mandela Bay Metro engundabamlonyeni ngenxa yolawulo olungaqinina olubanjelwa kukungabambisani kwamaqela alawulayo.
URamaphosa ugaleleke kwelii phondo emva kokutyelela amanye amphondo aquka iLimpopo, iKwaZulu-Natal, iMpumalanga neGauteng. Inkokeli yeli phondo, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane, yenze ingxelo ebhence inkqubela eyenziwe nguRhulumente kumacandelo ohlukeneyo.
Ugqamise kakhulu iintshukumo zoqoqosho ezixhokonxwe lutyalomali olwenziwe ziinkampani ezinkulu kwiminyaka edlulileyo. Kwangaxeshanye, uMabuyane uxelele uMongameli ukuba irhafu efakwe yiMelika kwiimoto eziveliswe eMzantsi Afrika iyamxhalabisa ngoba ingaqhokra imveliso yazo. IMpuma Koloni yeyona ndawo kweli lizwe ehamba phambili kwimveliso yeemoto ezenziwa nguMercedes Benz, Isuzu noVolkswagen.
URamaphosa ukwamkele ukuphucuka kwendlela yokuphatha imali okuvezwe nguMphicothizincwadi kwingxelo yonyakamali ogqithileyo - kodwa wakhala ngobuqhitala bamasebe obubangele uRhulumente alahlekelwe yimali esondele kumakhulu amabini ezigidi zerandi (R197-million).
"Akufuneki sijonge kuphela indlela ephathwa ngayo imali kaRhulumente, kufanele sijonge nechithwa ngayo," utshilo uMongameli obalule isebe leZemfundo neleZempilo njengawona aseneengxaki. "Noxa kukuninzi esikukhanyiselwa ziinkcukacha eziphambi kwethu - kodwa inkqubela kufuneka ibonakale ebantwini beli phondo.
"Kufanele sixhalabe xa sibona ukuhexa kolawulo koomasipala olwenza kube nzima ukuhanjiswa kweenkonzo eluNtwini. Iingxaki esijamelene nazo ziyasinyanzela ukuba sijonge ngokutsha indlela neendawo esiyichitha kuyo imali. Simemelela ukwakhiwa koqoqosho oludala amathuba emisebenzi," utshilo uRamaphosa okugxekileyo ukungabikho kweebhulorho, imifanekiso ebonisa izigulane ezilala phantsi ngenxa yokungabikho kweebhedi ezibhedlele.
Related Topics: