Iindaba

Izidanga ezimbini zobuGqirha kuMamosa Ngcala

Siyabulela Mqikela|Published

Izidanga ezimbini zobuGqirha kuMamosa Ngcala.

Image: Facebook

UGqirha Mamosa Ngcala wenze into engaqhelekanga ngokufumana izidanga ezimbini zobuGqirha ngaxeshanye kwiiYunivesithi ezohlukeneyo.

Ngaphandle kwamathandabuzo oku akuqhelekanga okanye akuzange kwenzeke ukuba umntu afunde kweli nqanaba kumaziko amabini ahlukeneyo. 

Kuthweso zidanga walo nyaka, uGqirha Mamosa Ngcala wenze umahluko kwilizwe loMzantsi Afrika naseAfrika ngokuphumelela ezi zidanga kwiYunivesithi yaseKapa nakwiYunivesithi yaseJamani yasePotsdam.

"Emva kweminyaka emihlanu, ndivuya kakhulu ngumsebenzi endiwenzileyo wokuba ndifumane izidanga ezimbini zobuGqirha ngexesha elinye," evuya utshilo uNgcala.

Amanina azibonakalisa yonke imihla ubunganga bendalo abanabo kwintlalo.

"Ndizigqibile zonke izidanga zam kwangexesha, kodwa manditsho ukuba olu ibe luhambo olunika umdla kakhulu kwimpilo yam," kucacisa uNgcala. 

Uthi ebenexesha lokufikelwa kukuzidelela, ezibuza ukuba ngenene uza kukwazi na ukukwenza konke oku.

"Elona xesha lindinike ingxaki kwizifundo zam yayilixesha lohlaselo lwehlabathi yiKhovid, kodwa ndalwa ndaphumelela ndoyisa nezinye ke iingxaki zokufunda eziqhelekileyo," uhambisa atsho uNgcala. 

Uthi unyaka ka2022 ngowona nyaka uphantse wamenza ukuba anikezele kwiinzame zakhe zokufumana ezi zidanga zimbini zobuGqirha.

"Uxinzelelo beluphezulu kakhulu, bekubakho ixesha lokucinga ukuba yonke into iyachithakala, enye yezinto eyandigcina ndiqhubeka yaba kukuzilolonga ngokomzimba nokuhlala ndithandaza," utsho uNgcala.

Kuhambo lwakhe lokufumana ezi zidanga, uMamosa Ngcala uhambe kumazwe afana neFrance, Spain, Switzerland, Netherlands kwakunye neDenmark.