Umdlali kamabonakude ongasekhoyo uDon Mlangeni Nawa uza kungcwatywa ngoMgqibelo.
Image: File
Usapho lwegqala lomdlali kamabonakude uDon Mlangeni Nawa lubhengeze iinkcukacha zenkonzo yesikhumbuzo nomngcwabo wakhe.
Inkonzo yesikhumbuzo yalo mdlali usweleke ngoLwesithathu, umhla we16 kuTshazimpuzi 2025, iza kuba ngoLwesine, umhla wama24 kuTshazimpuzi 2025. Iza kubanjelwa eSoweto Theatre, eSoweto, eGoli, ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kodwa abantu kufuneka baqale ukufika ngecala emva kwentsimbi yesibini emva kwemini.
Ngelixa umngcwabo wakhe uza kuba ngoMgqibelo, umhla wama26 kuTshazimpuzi 2025 eAlberton Civic Theatre, eGoli, ukususela ngentsimbi yesibhozo kusasa.
Lo mdlali kamabonakude oneminyaka engama65 ubudala, uvele kwiinkqubo zikamabonakude eziliqela ezifana noHlala Kwabafileyo, Sgudi Snaysi, Isidingo, The Throne kunye noShaka iLembe, ukubalula ezimbalwa.
Kwingxelo yokuqala ngethuba kubhengezwa ukubhubha kwakhe, usapho lwakhe lwathi: "Ebeyintliziyo yosapho lwethu – utata onothando, ubhuti kwakunye nomhlobo.
"Ehlabathini, ebengumdlali onesiphiwo nohlonitshwayo, obukho bakhe babukhanyisa onke amaqonga nomabonakude awayevela kuwo. Ilifa lakhe lihlala kubomi awabuchukumisayo, amabali awabalisayo, kunye nothando awanikela ngalo ngokukhululekileyo."
Abantu basathumela imiyalezo yabo yovelwano, bekwaqaqambisa indima ayidlalileyo kwicandelo lezolonwabo kunye nelifa lakhe njengomdlali ophum' izandla.