Ityala lokubulawa komfundi waseWSU limiselwe inyanga ezayo.
Image: File
Inkundla kamantyi yaseMthatha ilihlehlisele umhla wesibini kuCanzibe 2025 ityala lokubulawa kukaSisonke Mbolekwa owadutyulwa kwikhampasi yaseMthatha kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU).
Umrhanelwa, uManelisi Mampane, 54, uvele okokuqala enkundleni ngoLwesibini, umhla wama22 kuTshazimpuzi 2025, apho ajongene nezityholo zokubulala, ukuzama ukubulala nokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Ukubanjwa kukaMampane obephethe iindawo ezihlala abafundi kule yunivesithi, kulandela uqhanqalazo lwabafundi olwenzeka apho abafundi bebekhalazela iindawo abahlala kuzo besithi bahlala ebugxwayibeni kwaye akukho zixhobo zifuneka ngamandla. Kutyholwa ukuba uMampane udubule kubafundi ababeqhankqalaza, kwabhubha umfundi omnye uMbolekwa, kwaze konzakala abanye ababini uNtando Gqetywa noLizwa Ndzumo.
Abafundi baseWSU bekunye nabahlali ebebengaphandle kwenkundla ngazwi linye besithi bafuna uMbokelwa afumane ubulungisa kwaye bebebongoza ukuba anganikwa bheyile umsebenzi wale yunivesithi otyholwa ngokubulala.
"Into esinqwenela ukuyibona kukuba iJaji ithi akukho bheyile iza kunikwa uMnu. Mampane. Kuyo yonke into eyenzekileyo, akakhange abonakalise zimpawu zokuthi uyazisola ngento eyenzekileyo okanye ibiyimpazamo.
"Ukuba bekunjalo, ngewayezinikezele emapoliseni kodwa into eyenzekayo kukuba amapolisa ayeleqana naye embongoza ukuba eze azoziphendulela ngezenzo zakhe," utshilo uMongameli webhunga elimele abafundi (SRC), uBalungile Madikizela ngaphandle kwenkundla.
UMampane uza kuvela kwakhona enkundleni ngomhla wesibini kuCanzibe 2025 ukuze akwazi ukufaka isicelo sebheyile ngokusemthethweni.