Iindaba

Kudutyulwe indoda kuR75, abarhanelwa basakhangelwa!

Zenande Maqubela|Published

Kukhangelwa abarhanelwa emva kokudutyulwa kwendoda kuR75 KwaDwesi.

Image: SAPS

Amapolisa aKwaDwesi akhangela uncedo loluntu, emva kokudutyulwa nekukhokelele ekubhubheni kwendoda enamashumi amane eminyaka (40), ngoLwesibini, umhla wama22 kule nyanga, eGqeberha.

Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse Van Rensburg, malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini maqanda namhlanje, uLwesibini, ongasekhoyo uPeter Baatjies ubekwindlela uR75, ejolise imibombo ngaKwaDwesi.

Ingxelo iqhuba ithi, uthe ngethuba eqhuba isithuthi sakhe kule ndlela, kwavela sithuthi simbi, nesiye sasondela ecaleni kwesakhe, ze emva koko sadubula kwisithuthi sakhe izithonga eziliqela. Kuthe kwisiphambuka esikuR75 neChelsea, umqhubi wesithuthi wagila iloli ebimile, ze kamva waphulukana nomphefumlo wakhe kwindawo leyo yexhwayelo.

Ukanti, unobangela wesi sehlo awukaziwa, kwaye nabarhanelwa akukabikho mkhondo ngakubo. Uphando luyaqhuba.

Amapolisa acela nabani na onokuwanceda ngeenkcukacha kwesi sehlo ukuba atsalele uCaptain Luvuyo Nyati ku-071 362 8707 okanye iCrime Stop ku-08600 10111, okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Kudutyulwe indoda kuR75, abarhanelwa basakhangelwa!