Bangaphezu kwewaka abatshate kumtshato omkhulu eIPHC.
Image: Reuters
Itshatise ngaphezu kwewaka inkonzo i-International Pentecostal Holiness Church (IPHC) eKanana City eRhawutini ngempelaveki yePasika.
Le nkonzo yenza oku rhoqo ngonyaka ngexesha lePasika ngelikhuthza amalungu, ingakumbi ulutsha, ukuba luzimanye ngeqhina lomtshato.
Ngonyaka ka2023 le nkonzo yatshatisa abantu abangamakhulu amane kuphela, ngoko inani lalo nyaka linyuke phantse ngesiqingatha. Le mitshato ibibanjelwe kwisakhiwo esitsha sale nkonzo nesithwala abantu abakumashumi amathandathu amawaka. Kuthwa esi sesona sakhiwo senkonzo sikhulu kumazantsi weAfrika.
Ukusukela ngonyaka ka1962 ukusungulwa kwayo le nkonzo, iyaqala ukutshatisa inani eliphezulu ngolu hlobo lamalungu ayo.
UMfundisi uVusi Ndala wale nkonzo uncokole namajelo eendaba malunga neli nani labantu abathe bazimanya ngeqhina lomtshato ngalo mhla umkhulu kangaka.
"Okona kwenza ukuba imitshato yethu yalo nyaka ibengumahluko kwiminyaka engaphambili kukuba sifumene inani esingakhange sililindele labatshati," kutsho uNdala.
Ngenxa yesimo sentlalo, kule mihla kubalulekile ukukhuthaza abantu, ingakumbi ulutsha, ukuba luzibophelele. Kuthwa ilizwe loMzantsi Afrika linezinga eliphezulu lokuqhawuka kwemitshato ngenxa yezizathu ezahlukeneyo.