UZukhanye Mdliswa olahlekileyo.
Image: SAPS
Sele kungapha kwenyanga uZukhanye Mdliswa (23) nohlala kwisitalato Iliza, Nu12, eMotherwell, elahlekile.
Amapolisa aseMotherwell acela uncedo kuluntu ekufumaneni uZukhanye owalahleka ngoMgqibelo we22 kweyoMdumba 2025 ngentsimbi yokuqala emva kwemini.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthe kwabuziswa kusapho nezihlobo apho ebesoloko etyelela khona kodwa akukhange kufunyanwe mkhondo wakhe. Uxelwe njengomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa saseMotherwell.
"Ngexesha lokunyamalala kwakhe, wayenxibe ijini yedenim eyayipetshwe phakathi kwemilenze, ihempe yedenim ebluwish kunye neetekkie ezineyvi zohlobo lweNew Balance ezinomphantsi olayim namhlophe," utshilo uJanse Van Rensburg.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ekufumaneni uZukhanye Mdliswa ukuba atsalele umnxeba uD/Sgt Harry wamapolisa aseMotherwell ku-082 319 8736 okanye ku-041 405 6507 okanye iCrime Stop kule nombolo 08600 10111. Umntu angandwendwela isikhululo samapolisa esikufutshane naye. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.