Umpu amapolisa awufumana kumrhanelwa.
Image: SAPS
Umrhanelwa wesibini (42) oyanyaniswa nokubulawa kuka-Ansley Agulhas (44) kwirenki yeeteksi eGqeberha ubanjwe ngoLwesihlanu umhla we18 kuTshazimpuzi 2025 eKenton-On-Sea.
Oku kubanjwa kwenzeke emva kokuba iqela leNelson Mandela Bay District Intervention Task Team lifumene ulwazi lomrhanelwa wesibini obandakanyeka ekubulaweni kuka-Agulhas, ngoko nangoko ngoncedo lweqela eliphuma kwiNational Head Office Task Team baye basebenza.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthi eli qela lingene kumzi oseKenton-on-Sea apho umrhanelwa ebezimele khona.
"Umrhanelwa uye wabanjwa, kwaye amalungu nawo afumana umpu onembumbulu enye kulo mrhanelwa.
"Umrhanelwa ubanjwe ngezityholo zokuba nompu ongenampepha, nokuba nembumbulu ngaphandle kwempepha," utshilo uJanse Van Rensburg.
Kutyholwa ngokuba umrhanelwa wayebandakanyeke ekubulaweni kuka-Ansley Agulhas ngomhla wama31 kweyoKwindla 2025 kwirenki yeeteksi esecaleni kweBrister House, eGovan Mbeki.
"Kutyholwa ukuba umqhubi weteksi oneminyaka engama44 wayemi kufutshane neteksi yakhe ngethuba amadoda amabini angaziwayo ezigqume ubuso eza kuye. Umrhanelwa onxibe into yokombatha enomnqwazi (hoodie) emnyama wakhupha umpu wadubula izihlandlo ezininzi kumfi phambi kokuba babaleke ngeenyawo besingise kwisitalato iStrand," utshilo uJanse Van Rensburg.
Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseKenton-On-Sea ngoLwesibini umhla we22 kuTshazimpuzi 2025, emva koko uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngezityholo zokubulala phakathi evekini.