Iindaba

UMongameli: 'Nibe nePasika emyoli nekhuselekileyo'

Cwayita Nondula|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa unqwenelela abemi boMzantsi Afrika iPasika emyoli.

Image: Itumeleng English / Independent Newspapers

UMongameli uCyril Ramaphosa unqwenelela abemi boMzantsi Afrika iPasika emyoli nekhuselekileyo. Ukwabongoza abemi ukuba bazikhathalele kunye nabanye ezindleleni nakwiimeko zentlalo.

"Njengoko sijikeleza ilizwe lethu elihle, masinciphise isantya, sibophe amabhanti ezimotweni, kwaye singasebenzisi iifowuni zethu ngelixa siqhuba. Masiqinisekise ukuba iimoto zikwimeko entle kwaye siyayiphepha imfuneko yokungxama ngokushiya ikhaya okanye iindawo esisebenzela kuzo.

"Oku kuya kusivumela ukuba sibe nomonde kwabanye abasebenzisi bendlela kwaye sonwabele ubuhle beendawo zethu. Eli kufuneka ibe lixesha lenkathalo noxolo kumakhaya ethu noluntu. Yanga eli inokuba lixesha lokubhiyoza nokulungiselela unyaka osemde," utshilo uRamaphosa.

UMongameli Ramaphosa udlulise iminqweno emihle kule mpelaveki yePasika kwiimvaba ngeemvaba zamaKrestu eMzantsi Afrika. "IPasika lithuba elikhethekileyo kumaKristu azinikeleyo ukuba abhiyozele ukholo lwawo, kwaye ikwalixesha lokuba abemi boMzantsi Afrika bazo zonke iintlanga baphumle neentsapho nezihlobo," utshilo.