IOfisi kaSihlalo weBhunga eWSU ithi umntu obhubhe ngenxa yoqhankqalazo olwenzeke ngoLwesibini ngumfundi.
Image: WSU
IYunivesithi yaseWalter Sisulu (WSU) iqinisekise ukuba umfundi owadutyulwa kuqhankqalazo wabhubha, uSisonke Mbolekwa, ebengumfundi kule yunivesithi, nangona bebemkhanyela ngaphambili.
IOfisi kaSihlalo weBhunga kule yunivesithi ikhuphe ingxelo eqinisekisa indibano engxamisekileyo eyenzeke ngoLwesithathu, umhla we16 kuTshazimpuzi 2025 ukufumana ingxelo kubaphathi nakwibhunga elimele abafundi (SRC) malunga nesehlo esenzeke ekuqaleni kweveki, ngoLwesibini, esibangele ukubhubha komfundi kunye nabanye ababini abonzakeleyo.
"USisonke ebengumfundi waseWSU obhalisele isidanga seMfundo (Bachelor of Education) ngo2023 nango2024. Ngenxa yokunqongophala kwenkxaso-mali, uSisonke akakwazanga ukubhalisela u2025, kodwa kweyoKwindla 2025 uhlawule eyona ntlawulo isezantsi efunwa yiyunivesithi ukuze abhalise," utshilo uNjingalwazi Tembeka Ngcukaitobi onguSihlalo weBhunga kwingxelo.
Eli Bhunga leyunivesithi libanga ukuba abanye abafundi ababini, uNtando Gqetywa noLizwa Ndzumo bafumana 'umonzakalo ongephi' kwaye sele bephumile esibhedlele.
"IBhunga linqwenela ukuvakalisa uvelwano olunzulu kusapho lukaSisonke. Sibuhlungu ngokulahlekelwa kwabo, kwaye sibanqwenelela amandla kweli xesha linzima. Sijonge ukuthumela igqiza leBhunga ukuba livakalise uvelwano lwethu ngokobuqu kwezi ntsuku zizayo, kwaye kwiingxoxo nosapho, sijonge naziphi na iindlela esinokuncedisa ngazo," utshilo uNgcukaitobi.
UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uGqirha Nobuhle Nkabane, utyelele le yunivesithi izolo nalapho iSebe lingqinisise ukuba umfundi ongasekhoyo ebengumfundi waseWSU emva kweengxelo ezibethabethanayo ezibangele ukugxekwa kweWSU.
IBhunga lithi kwindibano ebebenayo, iSRC ibalule imiba abajongene nayo kwiindawo ezihlala abafundi kunye nokuphathwa gadalala yinkampani yoonogada eqeshwe yile yunivesithi kwikhampasi yaseMthatha, abathi isebenzisa ubundlobongela ngamaxesha oqhanqalazo.
Ukukhawulelana nezi ngxaki, uNgcukaitobi uthe abaphathi beWSU baza kuphumeza ngokukhawuleza izinto ezininzi ukulungisa ezi ngxaki. Ezinye zazo ziquka ukutshintshwa koonogada – bathi kuqukunjelwe ukuqeshwa kwenkampani entsha yoonogada. Bakwangqinile ukuba umanejala otyholwa ngokudubula abafundi uza kunqunyanyiswa ngoko nangoko, logama kusaphandwa ukuba unetyala lokuziphatha kakubi okanye akanatyala kusini na.
IBhunga likwathe sele ikho inkqubela phambili ekufezekiseni iimfuno zabafundi, kodwa ngenxa yemithetho yokuthengwa kwempahla nokufumaneka kobonelelo, inkqubo ilibazisekile.
Ikhampasi yaseMthatha ivaliwe okwethutyana kwaye abafundi bafunda ngokusebenzisa i-intanethi. Ukongeza, iBhunga lithe inkxaso ngokwasengqondweni nangokwemfundo iza kubonelelwa kubafundi abachaphazelekayo.
Ingxelo ekhutshwe yile yunivesithi kwikhasi labo lonxibelelwano uFacebook: