Iindaba

iHonor Magic7 Pro nguletsheza wefowuni ongenantanga!

Pedro Mapelo|Published

Inkampani eyenza iifowuni, uHonor, ikhuphe ifowuni entsha kraca eseyikhona emakethe.

Image: Honor Facebook

Kule mihla akukho khuphiswano olunzima ehlabathini njengolweefowuni eziphathwayo. Lo nto ibangelwa kukuba ifowuni ephathwayo yenza ubomi babantu bube lula. Abaqeleleneyo basebenzisa iifowuni xa bethumelelana imiyalezo engezinto zasekuhlaleni, ezemisebenzi okanye ezasekhaya.

Yiyo lo nto kunyanzelekileyo ukuba wonke umntu oselungelweni abenayo ifowuni. Indlela abaphila ngayo abantu inefuthe kakhulu kukhuphiswano nakumsebenzi oncomekayo owenzwe ziinkampani ezivelisa iminxeba ephathwayo. Phakathi kweenkampani ezihamba phambili kwimveliso yoomakhal'emkhukhwini yiHonor.

Le nkampani ivelise ungqa phambili wefowuni ekuthiwa yiHonor Magic 7 Pro kutshanje. Icofeka lula, iyakhawuleza futhi ikunika zonke izixhobo zokukhusela iinkcukacha zakho nomsebenzi wakho ngobuchule obutsha.

Njengokuba iifowuni ezikhoyo zifakelwe ubigcisa ekuthiwa yiAI, yona ifowuni entsha kaHonor ikunika ithuba lokuthatha imifanekiso ngendlela engazange yabonwa ngaphambili. Ukucofa kwakho nje ikhamera, ifowuni ngokunokwayo iyakwazi ukuzithathela imifanekiso esemgangathweni ophezulu ngaphandle kokulawulwa ngumniniyo.

IHonor Magic7 Pro yenzelwe wonke umntu ukuze akwazi ukuzakhela amabali ngemifanekiso nangeevidiyo eza kuhlala ifukame ubomi beentsuku ezigqithileyo. Nazi izinto eziyenza yahluke iHonor Magic7 Pro: Ithatha imifanekiso ngophanyazo ngaphambili nasemva.

Ilahle layo lihlala ixesha elide futhi litshajiseka ngokukhawuleza kakhulu. Enye yezinto ezibalulekileyo kwiifowuni zale mihla kukuthambela abanikazi bazo bazisebenzise ngeendlela ezahlukeneyo abazithandayo kwiindawo abakuzo.

IHonor Magic7 Pro seyifumaneka kwiivenkile ezithile. Ixabisa iR29,999 apha:www.honor.com/za/phones/honor-magic7-pro.