Umfundisi waseMelika uJosh Sullivan ohlangulwe ngamapolisa eGqeberha.
Image: Facebook
Uhlangulwe umfundisi waseMelika owaziwa ngokuba nguJosh Sullivan owaxhwilwa ngabarhanelwa abaxhobileyo ngethuba kuqhuba inkonzo eMotherwell, eGqeberha, kwiveki ephelileyo. Abarhanelwa abathathu badutyulwe babulawa ngamapolisa ngethuba kutshintshiselwana ngerhuluwa.
Eli phulo lilandele ubuntlola obuququzelelwe ngamaqela awohlukeneyo aquka iqela leeHawks iSerious Organised Crime Investigation, Anti-Gang Unit, Crime Intelligence, Tactical Response Team namanye amahlakani aphambili obezomthetho athe ahamba ngokukhawuleza ukuya kwindawo echongiweyo.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba, uSullivan ubhaqwe kumzi othile KwaMagxaki eGqeberha. "Njengoko amagosa ayesondela kule ndlu, abona isithuthi kwindawo leyo. Abarhanelwa bebengaphakathi kwisithuthi bakubona abezomthetho bazama ukubaleka bathulula ngeembumbulu kwiqela elo. Amapolisa aphendule ngokuchanekileyo, nto leyo eyakhokelela kutshintshiselwana lweembumbulu apho abarhanelwa abathathu abangaziwayo badutyulwa babhubha," utshilo uFumba.
UFumba uthi ixhoba lifunyenwe lingaphakathi kwaloo moto abarhanelwa bebekuyo ngethuba beqala ukuhlasela. "Ngokumangalisayo, akazange enzekaliswa, wavavanywa ngoko nangoko ngabasebenzi bezonyango kwaye ngoku ukwimeko entle kakhulu," utshilo.
INtloko yeeHawks kwiPhondo leMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulincomile eli qela ngenkalipho, ukuziphatha kakuhle kunye nokugqwesa kubuchule babo phantsi kweembumbulu ebezibhabha. Ukwabulele amagosa aphezulu karhulumente ngenkxaso yawo ebonakalayo neyobuqu ngeli xesha linzima, eqinisekisa kwakhona ukuba iinzame ezinje ngokusebenza ngamxhelo mnye zithumela umyalezo oqatha kwabo bagrogrisa ukhuseleko nolongamo lwesizwe sethu.
Nabani na onolwazi oluthembekileyo onokuthi ancede kuphando oluqhubekayo uyabongozwa ukuba atsalele umnxeba weCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye athumele esebenzisa iMySAPS App. Lowo unolwazi unokukhetha ukungadizi igama lakhe.