Bamemelela ubulungisa abafundi baseWSU emva kokubhubha komfundi kuqhankqalazo eMthatha.
Image: Nkululeko Nyembezi/Facebook
Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) bafuna ubulungisa emva kokuba umfundi edutyulwe wabhubha kuqhankqalazo kwikhampasi yaseMthatha ngoLwesibini olwalumalunga nemeko embi yeendawo abahlala kuzo – abanye abafundi ababini bonzakele.
Kutyholwa ukuba aba bafundi babambe umngcelele ukuya kwikhaya likamanejala ojongene neendawo abahlala kuzo ngeenjongo zokulungisa iingxaki zabo zokuhlala. Lo manejala kuthiwa udubule kwinginginya yabafundi ekhayeni lakhe, kwabhubha umfundi omnye kwaza ababini benzakala.
Kuthiwa aba bafundi batshise imoto yalo msebenzi wale yunivesithi, kwaye ngokweengxelo zamapolisa, inkosikazi yalo manejala iye yabethwa entloko, ze usapho lwahlangulwa ngamapolisa aseMthatha Public Order Policing.
UThemba Zikhali oyinxalenye yebhunga elimele abafundi (SRC) uthe bebeqhankqalazela imeko yeendawo abahlala kuzo, abanawo namanzi kodwa bahlawula imali eninzi. Ukwathe bakhala ngemithetho yalo manejala ebathintelayo ekubeni babe neendwendwe kwiindawo abahlala kuzo, nabathi ayihambisani nemigaqo yeyunivesithi.
"Le miba kudala siyiphakamisa kubaphathi beyunivesithi ukusukela kunyaka ophelileyo. Bahlala besinika ixesha elibekiweyo besithi bazoyilungisa imiba kodwa bangade," utshilo uZikhali.
UZikhali uthe bengabafundi baseWSU bathi makahambe [umanejala] kwaye bafuna ubulungisa. "Kufuneka kude kubhubhe wonke umntu ukuze zivakale izikhalazo zethu. Sime ngelithi asimfuni umanejala naye wonke umntu oxhaphaza abafundi. Sibongoza urhulumente ukuba angenelele nanjengoko abaphathi bohlulekile ukulungisa imiba yethu," utshilo uZikhali omele abafundi.
Omnye umfundi ongafunanga ukuba igama lakhe laziwe uvakalise ukuba abonwabanga yinkampani yoonogada ebaphethe kakubi kweli ziko. Uthe ukudutyulwa komfundi kweli ziko lemfundo asiyonto iqala ukwenzeka, umfundi odutyulwe kwiiveki ezidlulileyo sithetha nje ulwela ubomi bakhe esibhedlele.
"La mntwana wayengaqhankqalazi, wayehamba nje endleleni bamdubula. Asikafumani zinkcukacha malunga nokuba ngubani obephethe umpu owamdubulayo, xa iSRC ithetha nabaphathi, bathi baza kuwaphanda onke amatyala asamisiweyo," utshilo.
Kusenjalo, abaphathi beWSU baziphikile izityholo zokuba indoda edutyulwe yabhubha ngumfundi kule yunivesithi. Balugxekile uqhanqalazo kwaye bathi abazange baziswe ngalo, neSRC ngokunjalo.
"Uthethathethwano lokuqala nebhunga elimele abafundi (SRC) ludize ukuba iinkokeli bezingazi ngoqhanqalazo olucwangcisiweyo lwabafundi. Okwangoku, unobangela woku awukacaci, kwaye uphando luyaqhubeka," batshilo abaphathi.
Ukufundisa kunqunyanyisiwe kule khampasi okwangoku kwaye akukabanjwa mntu ukuza kuthi ga ngoku.