UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha, uMphathiswa wezoThutho kuzwelonke uBarbara Creecy noSekela Mphathiswa uMkhuleko Hlengwa.
Image: ECDoT
ISebe lezoThutho eMpuma Koloni liqalise iphulo lokhuseleko ezindleleni lePasika elijolise ekuqinisekiseni ukuba abantu bakhuselekile ezindleleni ngexesha lePasika nanjengoko iindlela ziza kube zixakekile.
Eli phulo lisungulwe ngokusesikweni eGqeberha nguMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha kunye noMphathiswa wezoThutho kuzwelonke uBarbara Creecy noSekela Mphathiswa uMkhuleko Hlengwa namagosa aphezulu okhuseleko ezindleleni ephondweni nakuzwelonke ngeCawe.
Isithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthe ixesha lePasika lixesha elixakekileyo kuba balijonga ngokwezigaba ezithathu – phambi kwePasika, ngePasika nasemva kwePasika.
"Siqalisa umsebenzi wethu namhlanje [ngeCawe], enyanisweni umsebenzi sele uqalisiwe. Sibe namaphulo aliqela sijolise ngokukodwa kubantu abaqhuba benxilile, abaqhubi abangaphezu kwama230 abaqhuba benxilile babanjiwe kwiMpuma Koloni iphela phakathi koLwesihlanu noMgqibelo," utshilo uBinqose.
Uqhube wathi la manani ayaphazamisa kwaye uMphathiswa uNqatha uyawancoma amagosa ezendlela ngokubamba aba bantu nanjengoko bekholelwa ukuba xa bebambe abaqhubi abaqhuba benxilile, banqanda iingozi ezindleleni ezinokusuba imiphefumlo.
Ngokweenkcukacha-manani zeSebe lezoThutho eMpuma Koloni, la ngamanani abaqhubi ababanjelwe ukuqhuba benxilile ngoLwesihlanu nangoMgqibelo ngokwezithili. Uninzi lwabantu ababanjelwe ukuqhuba benxilile baphuma kwisithili saseAmathole.
NgoLwesihlanu - 11 kuTshazimpuzi 2025
Alfred Nzo - 3
Joe Gqabi - 8
O.R Tambo - 13
Chris Hani - 16
Sarah Baartman - 23
Amathole - 59
NgoMgqibelo - 12 kuTshazimpuzi 2025
O.R Tambo - 3
Alfred Nzo - 4
Joe Gqabi - 7
Chris Hani - 13
Sarah Baartman - 33
Amathole - 60
Iziyunguma zonyaka ophelileyo eMpuma Koloni kuthiwa lelona nani liphezulu labantu ababhubhe ezindleleni ngela xesha kwiminyaka emihlanu njengoko bebengama202.
UBinqose ubongoza abaqhubi ukuba balandele imithetho yendlela kwaye bakhuseleke ezindleleni.