UStella Ndabeni onguMphathiswa wamashishini akhulayo, ukwiphulo lokuxhasa iziphaza eMzantsi Afrika.
Image: Facebook
Kwilinge lakhe lokufunqula oosomashishini abasakhasayo, uRhulumente uphehlelele ingxowamali aza kuxhasa ngayo iziphaza zabantu baseMzantsi Afrika. Iphulo elitsha lokunceda abantu abaneziphaza liphehlelelwe nguMphathiswa waMashishini Amancinci, uStella Ndabeni noParks Tau onguMphathiswa weZerhwebo, emcimbini obubanjelwe eSoweto kwiveki ephelileyo.
Yimali ezizigidi ezingamakhulu amahlanu zeerandi (R500-million) eliqalwe ngayo iphulo elitsha likaRhulumente. Oku kuvele emva kwesankxwe esenziwe ngabantu baseMzantsi Afrika ngo2024 abakhalazele ubuninzi babantu bamanye amazwe obubaxiweyo kwishishini lasezilalini nasezilokishini.
Ukubhubha kwabantwana abonzakaliswe ngamatshipsi abawathenga kwiziphaza zabantu bamanye amazwe kunyaka ophelileyo yenye yezinto ezibangele uRhulumente aqinise ukhuseleko nococeko kumashishini amancinci elizweni lonke. Imali ebhengezwe nguRhulumente inika abantu baseMzantsi Afrika ithuba lokuthathela kubo amashishini ankonywe ngabantu bezinye izizwe.
Onke amashishi kufuneka abhaliswe koomasipala phambi kokuba umntu afake isicelo senkxaso. Ngokutsho kukaNdabeni, injongo ephambili kaRhulumente kukufunqula amashishini amancinci, ukuphucula izakhono zokuphatha ishishini nococeko kwiindawo ekuthengiselwa kuzo.
UNdabeni uvakalise ukuxhalaba ngoba inani eliphantsi leziphaza ezibhalisiweyo ngabantu baseMzantsi Afrika. Enye yeengxaki kukuba abantu banikwa imali babhalisele abantu bamanye amazwe. "Kwinani leziphaza ezibhalisiweyo, bangaphezulu kancinci kwihafu abantu balapha abaneziphaza.
"Umbuzo esinawo, ngoobani abanye ababhalise iziphaza? Abantu baseMzantsi Afrika abacwasi bantu - kodwa kubalulekile ukusebenzisa umthetho oza kuza nenguqu," utshilo uNdabeni osisinqinanqina esanikwa uxanduva (ngumongameli) lokufunqula amashishini amancinci eMzantsi Afrika.
Abantu abanelungelo lokuxhamla kwiR500 million kaRhulumente kufuneka balandele yonke imithetho. Yimali efikelela kwiR50 000 engazuzwa ngumntu ngamnye. UMphathiswa weZorhwebo, uParks Tau, uthe uqoqosho kufuneka libuyele ebantwini baseMzantsi Afrika. "Eli liphulo eliqalwe nguMphathiswa uStella Ndabeni othe amasebe wethu makahlanganise imali eyiR100 million ekuza kuxhaswa ngayo iziphaza.
"Iye yakhula ngoba ngoku yiR500 million. Mhlawumbi iza kukhula kwiminyaka ezayo. Kodwa yona ingxowamali ilungisa okonakeleyo kwiminyaka egqithileyo. Oku kuyasikhuthaza nathi ngoba iziphaza lushishino leendawo ezihlala abantu. Ngoku uRhulumente utyala imali kwiindawo abahlala kuzo abantu," utshilo uTau.
Iinkcukacha zifumaneka apha: www.spazashopfund.co.za
Related Topics: