Abalandeli beKaizer Chiefs banethuba elide kakhulu bagqibela ukuvuyela indebe ephunyelelwe liqela labo.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Namhlanje iKaizer Chiefs iza kufumana ithuba lokugqibela kule sizini lokugweba indlala esele iqingqithe iminyaka elishumi yonke. Oku kuza kwenzeka xa idibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup oza kube ungorhatya (18:00) namhlanje eLoftus Stadium, ePitoli.
Kunyanzelekile iChiefs iphumelele ukuze ixolise abalandeli abalambele indebe. Lo mdlalo uza kudlalwa emva kophakathi kwe'Orlando Pirates neMarumo Gallants ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje. Yiminyaka emininzi iChiefs ingasaphakamisi iindebe. Ayibaphathi kakuhle lo nto abalandeli konke konke.
Ekuqaleni kwesizini bekukho ithemba lezinto ezibhetele phantsi kukaNasreddine Nabi - kodwa kusafana ngoba iChiefs ikwindawo yesibhozo kwiBetway Premiership, nakuyo loo ndawo ayizinzanga ngoba ayiqhubi kakuhle emidlalweni. Umqeqeshi ukuqonda kakuhle ukubaluleka ukugqitha kwiSundowns nakubeni iChiefs iza kuhamba nzima ngenxa yokungabikho kwabadlali abaliqela abonzakeleyo.
"Ndiya emdlalweni ndingacingi nje ngesiqu sam. Lithuba lokuba iqela lenze imbali ngokuthi liye emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup. Yiminyaka emininzi kakhulu singasaphumeleli indebe. Sifumana ithuba lokwenza imbali," utshilo uNabi encokola neentatheli phakathi evekini.
Akukho themba ncam lokuphumelela kweChiefs ngoba ibethwe izihlandlo ezithathu yiSundowns kule sizini yodwa. UNabi uthe omabini amaqela azana kakuhle apho anokubethana khona emdlalweni. Kwelinye icala, uMiguel Cardoso ukubethelele ukubaluleka kokuphumelela kweSundowns eza kufumana ithuba lokufumana indebe yokuqala phantsi kwakhe.
Nangona iSundowns iyibetha iChiefs - kodwa uCardoso uthe uNabi wenza umsebenzi omhle. "Kufuneka sizame ukukhuthaza abadlali ukuze bakwazi ukugqitha ebunzimeni esihlala sihlangabezana nabo xa sidlala neChiefs. Ubunzima umdlalo esiwudlale neChiefs kutshanje ngoba iqeqeshwa kakuhle nguNabi," utshilo uCardoso.
Related Topics: