USanelisiwe Qayi upase kakuhle kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni yamwonga ngewonga elikhulu
Image: Uthunyelwe
"Ndiyaqala ngqa ukupasa ngolu hlobo ebomini bam," utshilo uSanelisiwe Qayi emva kokuthwaliswa kwakhe isidanga namhlanje eWestern Cape University. Lo mfundi weendaba eZibonele FM wenze ezibukwayo kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni - apho apase kakuhle khona waze wawongwa ngeMagna Cum Laude kwiSebe leZifundo ngeeLwimi.
Emva kokwenza omnye umtsi ebomini bakhe kwicala lezemfundo, uQayi uxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba imfundo yinto eyabaleka emithanjeni yakhe esengumntana wesikolo esinaleni, eBatandwa Ndondo S.S.S. USanelisiwe, 23, owazelelwa eCala, wenza amabanga wakhe aphantsi eLower Cala J.S.S emva koko wadlulela eBatandwa Ndondo S.S.S.
Njengokuba engumhlali eKapa ngenxa yezifundo nomsebenzi, kwelinye icala kulapho alola khona isakhono sakhe sokufunda iindaba kwisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni, iZibonele FM. Ngoku uSanelisiw usisifundiswa esihloniphekileyo emva kokufumana iBachelor of Arts Honours kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni apho aphekwe khona ziingcali eziphume izandla esiXhoseni.
"Ndikhule ndikuthanda ukufunda iincwadi. Kootitshala abandikhuthazayo ndingabalula uMiss Sasanti, uGwampi noXhashimba. Ukuthanda ukufunda kwandenza ndanomnqweno wokufunda iindaba. Kungenxa yenceba kaThixo ndazibona ndisiya kuthi gxada eZibonele FM noxa ndandikhule ndingumntu ofuna ukuba ligqwetha.
"Ndikwanguye nomntu okuthandayo ukukhanyisela abanye abantu ngesibane semfundo. Loo nto yabangela ndenze isatifiketi ukuze ndikwazi ukuba ngutitshala phambi kokwenza ezi Onazi zam," utshilo uQayi echwayitile. USanelisiwe uthe indlela apase ngayo imothusile. "Ndichulumance kakhulu. Noxa ndingumntu oqhuba kakuhle ezifundweni ngenxa yokuzinikela nokuthandaza kodwa zange ndacinga ukuba ndingaze ndide ndiwongwe ngeMagna Cum Laude .
"Liwonga elingafunyanwa nangubani eli. Ndim ndodwa olifumeneyo kwii-Onazi zonyaka ka2024 kwiSebe leZemfundo ngeeLwimi," utshilo uQayi, obalule uNjingalwazi R. Kaschula noGqirhalwazi T. Ntwana njengabantu abamqeqeshe ngokugqibeleleyo.
Related Topics: