Amalungu eMK uJacob Zuma, noFloyd Shivambu nebonakala ngathi umbutho wawo ungenza iinguqu kulonyulo oluzayo eMpuma Koloni
Image: MK
Ngaphambili bekukho uluvo lokuba umbutho wezopolitiko uMkhonto Wesizwe (MK) ngumbutho wephondo laseKZN, kodwa ngoku ziyajika izinto, iMK ingene ingxamile eMpuma Koloni.
Indibanisela yeMK kwakunye nombutho weATM ibonisa ukuba zizakujika izinto kweli leMpuma Koloni kulonyulo oluzayo. Kudala iANC igqutsuba yodwa kungekho mceli mngeni ucacileyo kwiANC xa kusonyulwa minyaka le.
Ngenxa yendibanisela yabo kwakunye neATM bakwazile ukufumana inkxaso kwinkonzo yabaPostile iThe Twelve Apostolic Church in Christ. Ukuba lingasebenza icebo lokudibanisa le mibutho mibini eMpuma Koloni, iMK kwakunye neATM oku kungathetha ukuba liphelile ixesha leANC eMpuma Koloni.IMpuma Koloni lelinye lamaphondo apho iANC iphumelele ihamba yodwa kulonyulo lonyaka ophelileyo.
Ukuphumelela kweANC kweli phondo bekubangelwa zizinto ezimbini, ukusebenza kwabo bengakhuphisani, kwakunye nokungasebenzi kwemibutho ephikisayo.IMK inembali yokwenza inguqu ecacileyo kwindawo ekhuphisana kuyo, ulwazi namava yabo ngemikhuba esetyenziswa yiANC kungabasebenzela.
Ukuqhogana neATM enobudlelane noMpostile uSiza Nongqunga kungahle kuzale amaduna namathokazi kwiinzame zabo eMpuma Koloni. Kaloku uMpostile uNongqunga yinkokheli ehlonitshiweyo neyaziwa kweli leMpuma Koloni, ngabenkonzo nabezoshishino ngokufanayo ngenxa yesikhokelo sakhe.
UMpostile uNongqunga wabubonakalisa ubukhalipha bakhe kwezopolitiko kwamhla mnene ngokumela iinkokheli zeANC ezahlukeneyo enkonzweni yakhe eziquka uNelson Mandela, uThabo Mbeki kwakunye noJacob Zuma.
Le ndibanisela iquka amadoda afana noDali Mpofu oyinzalelwane yeli leMpuma Koloni, nekulindeleke ukuba naye anabise amandla wakhe ukukhankasela iMK eMpuma Koloni.
Amadoda anamava nakwaphuma kwiANC aquka uMzwandile Bhula nabanye bayaphthizela kwizithili eziquka iChris Hani, ngelizama ukwandisa amandla weMK eMpuma Koloni.
Imibutho yabasebenzi equka iMunicipal Workers Union kweli leMpuma Koloni kuthiwa ibonakalisa inkxaso yayo kwiMK kaJacob Zuma. Ukuba kuyinyaniso oku kungathetha ukuba ngenene iMK izakuya kulonyulo olulandelayo isemandleni okuduntsuzana neANC.
Ukubonakala kweKumkani yamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase kumsitho weMK eSisa Dukashe, nako kuxela ukuba ngenene ikho inguqu ezayo eMpuma Koloni.