UMongameli waseMelika uDonald Trump zibuya ngaye izigqibo zakhe ngerhafu kumanye amazwe
Image: Ogciniweyo
Kwidabi lorhwebelwano oluqhubeka phakathi kwelizwe laseMelika namazwe athile kwihlabathi, ilizwe laseChina liqalise ukunyusa irhafu kwimveliso zaseMelika ezingena kwela lizwe.
Oku kusemva kokuba uMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump ethe waqalisa inkqubo yokunyusa irhafu ngokungaqhelekanga kumazwe athile athengisa iimveliso zawo eMelika. Ukusukela ngoLwesine umhla weshumi kwinyanga kaTshazimpunzi, iChina imisele ukuba linyuke liye kumashumi asibhozo anesine eepesenti ekhulwini ixabiso lerhafu ezakuhlawulwa ngamashishini aseMelika xa engenisa iimveliso zawo kwela lizwe.
Ngaphambili ela lizwe laseChina belimisele ukuba izakunyuka ngomyinge weepesenti ezingamashumi amathathu anesine ekhulwini irhafu ezakuhlawulwa ngamaMelika. UMphathiswa wecimbi yezangaphandle eChina uLin Jian uthi iMelika iza kunyanzeleka ukuba yahlukane nomkhwa wokufuna ukuntantazelisa amanye amazwe isebenzisa ubunganga bayo.
"IMelika iyaqhubeka ukufaka uxinzelelo lwayo kwamanye amazwe ngokungekho mthethweni,sililizwe laseChina asinako ukunyamezela ukuphathwa gadalala okunje kusenziwa yiMelika kwamanye amazwe,” uthethe watsho uLin Jian.
Uthi ilizwe laseMelika kumele ukuba liqalise ukuhlonipha amanye amazwe okanye lijongane nokwayo olusuka kumazwe ehlabathi ngokubanzi.
"Ukuba iMelika iyasifuna isisombululo kule ngxaki kumele ukuba bavume ukuba kuqaliswe uthethwano kusonjululwe izinto ngendlela enoxolo, ukuba abaqalisi ukuhlonipha amanye amazwe baza kubasengxakini,” uhambisa atsho uLin Jian.
Kuthwa iMelika iqalise ukunyusa irhafu kwiimveliso zaseChina yayakuyibeka ngaphezu kwekhulu leepesenti, oku kuvuse umnyele ngamandla kwelaseChina.
Iimalike zehlabathi zishukume ngamandla ngenxa yezigqibo ezenziwe nguMongameli welizwe laseMelika ukusukela oko ethe wangena kwisikhundla sokongamela ela lizwe.