UMakro omtsha oza kuvulwa eGonubie, eMonti, uza nemisebenzi engaphezulu kwamakhulu amabini.
Image: Uthunyelwe
UMakro omtsha kraca kulindele ukuba adale inqwaba yemisebenzi xa evula isebe lakhe eGonubie, eMonti, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga kaTshazimpuzi. Ingxelo ithi uMakro oza kuvulwa ngowamashumi amabini anesithathu phantsi kwekampani enkulu, uMassmart.
Njengokuba uqoqosho beluke lacinezelwa kakubi ngubhubhane oyiKhorona, uMakro ovulwa eMonti ngowokuqala ukusukela ngonyaka ka2019. Kutheni uMassmart ekhethe ukuvula uMakro kwindawo yaseGonubie? Kungokuba yeyona ndawo ekhula ngokukhawuleza kwezoshishino eMonti.
Ukuvulwa kwesebe elitsha kuzawunika abathengi, ngakumbi oosomashishini, ithuba lokuthenga ngezixa ezaphulelweyo. Ngamanye amazwi, uMakro uza kwenza lula ubomi boomatheng'ethengisa, abantu baseGonubie noosomashishini abazimeleyo.
Ingxelo ebhaliwe iqinisekisile ukuba uMakro uza kuthengisa ukutya okusemgangathweni ophezulu. Kanti zikhon iimpahla, izinto zombane, iithoyi zabantwana, izinto zemidlalo, ifenitsha notywala endaweni yabo ekhethekileyo.
Kanti abathengi baseMonti akunyanzelekanga ukuba bayokugcwalisa ivenkile bonke ngoba bangakwazi ukuthenga kwikhasi lomnatha (website) ne'App eza kukhawulezisa inkqubo yokuthenga batsho bazifumane ngokukhawuleza iimpahla zabo. "Kusonwabisa kakhulu ukuvula uMakro omtsha eMonti," utshilo uDuval van Rhyn olisekela likaMongameli kwaMakro.
"Sinethuba elide sizama ukuvula isebe elitsha emva kokufumana isimemo kwabanye babathengi bethu. Siyaziqhenya ngokuvula ivenkile entsha ngoba iza nemisebenzi engaphezulu kwamakhulu amabini futhi iza kufunqula noqoqosho laseGonubie," utshilo uVan Rhyn.
Related Topics: