Iindaba

UFaku uthi yiAmatola Water edala ingxaki yamanzi eBuffalo City

Pedro Mapelo|Published

UPrincess Faku, onguSodophu waseBuffalo City Metro, uthethe neentatheli emva kokwamkela ixwebhu elinezikhalazo zabasebenzi.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe

USodolophu weBuffalo City Metro (BCM), uPrincess Faku, uxelele amajelo eendaba ukuba iingxaki zamanzi zenziwa yiAmatola Water ngoba yiyo enoxanduva lokunkinkisha amanzi kwiindawo zikamasipala wakhe. Ebephendula enye yeengxaki eziphakanyiswe ngabasebenzi baseBCM abenze umngcelele bekhokelwe yiSamwu ngentsasa yangoLwesibini kule veki.

Ukungaphumi kwamanzi kwiindawo ezininzi eBuffalo City Metro yinto eqhelekileyo ngenxa yokungasebenzi kakuhle kwequmrhu ekuthiwa yiAmatola Water elisematheni ngenxa yolawulo olungaqinanga nezityholo zorhwaphilizo. "Iingxaki zamanzi esinazo ziphuma kwiAmatola Water ngoba yiyo esinika amanzi. Ayisithi eBuffalo City abadala ingxaki yamanzi," utshilo uFaku.

"Ndibhalele kuMphathiswa kazwelonke ngelithi makenze uphando kuzo zonke iiprojekthi zamanzi ezenziwayo kuzotsho kuvele indlela imali eyachithwa ngayo. Imali etyalwe ngumasipala kwiindlela zokufumana amanzi ayihambelani nesikufumanayo," utshilo Faku emva kokwamkela uxwebhulu lezikhalazo zabasebenzi.

IBuffalo City Metro yaziwa jekelele ngomkhwa ombi wokuqala imisebenzi ethi iyekwe esithubeni itye iimali ezinkulu. Kwiiveki ezidlulileyo, ikomiti yePalamente kazwelonke (Scopa) ibiseMonti - apho iphonononge khona indlela asebenza ngayo umasipala (BCM).

Amalungu ekomiti (Scopa) emke engakholwanga ngoba kuvele ukuchithwa kwemali ngendlela embi, ngaphezulu akwabikho mntu obekwa ityala ngalo nto. Ingxaki yamanzi neeprojekthi ezingagqitywayo zitye imali yenze yezinto ezitshisa ibunzi.

"Salenza uphando ngendawo yokudada yaseMdantsane (Swimming Pool Project). Kwinto yeWater World, isigqeba sayithatha ingxelo yophand sayisa kwiSIU ngoba sabona ukuba kukho akungahambanga kakuhle," utshilo uSodolophu oyigxininiseleyo into ethi iingxaki zeeprojekthi zamanzi azenziwanga sisigqeba sakhe.

Uthe iingxaki zenziwa sisigqeba angene emva kwaso yena nesigqeba sakhe. Ezinye zezinto ekukhalwe ngazo yiSamwu kukungahlonitshwa kwemithetho yabasebenzi eBuffalo City Metro. Uyikhabile uFaku lo nto ngelithi umasipala usebenzisana kakuhle nombutho wabasebenzi boomasipala futhi ziyamothusa ezinye zezinto abazikhalazelayo.

Enye yezinto ezinto ezibhentsizwe yiScopa kukuba iBuffalo City iqasha iiloli zokuthutha amanzi asiwa kwiindawo ezingenawo amanzi - kodwa inazo iiloli zayo zokuwenza loo msebenzi. Uthe uza kubaphendula abasebenzi zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinesine.