Iindaba

Luyakhula uvukelo ngaku Trump eMelika

Siyabulela Mqikela|Published

Melika UMongameli waseMelika uDonald Trump

Image: Ogciniweyo

Abavoti belizwe laseMelika bangumzekelo omhle kwihlabathi kuba abavoti ngokusekelezelwe kwimbali, koko bavota ngokwengxaki abajongene nazo ngelo xesha.

Iziganeko zoqhankqalazo oluchasene nolawulo lukaDonald Trump ziyakhula eMelika, kwaye oku kuyothusa kuba liselincinane ixesha alichithe ofisini. Okona kuphambili kwizikhalo zabantu abaqhankqalazoyo eMelika kukunyanzelwa kuka-Elon Muks kulawulo lwelizwe laseMelika.

Isityholo esiphambili esambethe isigqibo sokufakwa kukaElon Musk kukuba uDonald Trump ufuna ukutyebisa iinkampani zakhe,noogxabakhe abaquka uTrump.

Ngenxa yokuqhogana kukaTrump noMusk zininzi inguqu ezenzeke kulawo kumaSebe karhulumente kwakunye neearente eziphantsi korhulumente.

Owayesakuba nguMongameli kwela lizwe uBarack Obama ungenelele ebongoza abantu baseMelika ukuba bangaqalisi ukukholelwa kwinguqu ezenziwa nguTrump kurhulumento lwaseMelika.