UJoy "Mama Joy" Chauke ukhumbuze uShauwn "MaMkhize" Mkhize ukuba abalandeli beRoyal AM bayamthanda kwaye bayamxhasa phakathi kobu bunzima ajongene nabo.
Image: Instagram
Emva kweendaba zakutshanje zokuba isigqeba sePSL siphakamise ukuba kucinywe ubulungu beRoyal AM, umlandeli wezemidlalo owaziwayo eMzantsi Afrika, uJoy ‘Mama Joy’ Chauke nongumlandeli weli qela, ubonakalise inkxaso kusomashishini uShauwn ‘MaMkhize’ Mkhize ophefumla ngenxeba ngenxa yetyala lakhe leSARS lezigidi ezingamashumi amane eerandi (R40 million).
UMama Joy othethe egameni labalandeli beli qela uthe balimele ngendlela emangalisayo ukuva ngemeko yeli qela.
"Ukuphulukana nento obuthululele intliziyo nomphefumlo wakho kuyo – into oyakhe ukusuka phantsi ukuya phezulu – yinto enzima kakhulu kwaye ngaphandle kwamathandabuzo loo nto ibuhlungu," utshilo uMama Joy.
Uqhubeke wathi, "Nceda wazi ukuba sikhona, sifuna wazi ukuba sicinga ngawe kwaye sikuthumela uthando nenkxaso ngeli xesha linzima.
"Siyayazi ukuba amagama asenokunganeli ukuthomalalisa intlungu, kodwa sifuna wazi ukuba siza kuhlala sikuxhasa."
UChauke uthe bayamazi uMaMkhize linenekazi elomeleleyo kwaye ungumntu okwaziyo ukumelana nale meko inzima.
"Sithandazela ukuba zonke ilahleko zakho zibuyiselwe kwaye iimveliso zakho ziphumelele ngokugqithisileyo kwixesha elizayo elingekude. Sisakholelwa kuwe kwaye sijonge ukuphinda ukubona iRoyal AM ivuka ... Siyakuthanda Khabazela," utshilo uChauke egameni labalandeli.
Iingcali zithi ukuba iPSL iyabuphelisa ubulungu beRoyal AM, oko kungachaphazela ukuthengiswa kweqela. Bathi oku kuza kubangela ukuba kubenzima ukudibanisa imali uMaMkhize ayityala uSARS ezizigidi ezingamashumi amane zeerandi (R40 million). Eli qela lebhola ekhatywayo kuthiwa ngeyona nto ixabisa kakhulu esegameni likaMaMkhize.
Ngoku abantu kumakhasi onxibelelwano bayazibuza ukuba leliphi iqela uMama Joy aza kuzimanya nalo ukuba iRoyal AM iyachithwa. Lo mlandeli wodumo wothusa ilizwe ngokushiya iOrlando Pirates ngo2021 emva kokuxhasa eli qela iminyaka engamashumi amathathu waza wazimanya neRoyal AM kaMaMkhize.