Iindaba

ULubabalo uzimanye noNoma amothuse ngeRange Rover entsha kraca!

Pedro Mapelo|Published

ULubabalo Peter uzimanye ngeqhina lomtshato noNoma Ngcelwane emsithweni obumhle ngempelaveki egqithileyo eQonce.

Image: Facebook

Impelaveki egqithileyo soze ilityalwe kwiphondo leMpuma Koloni ngoba ibinemitshato yabantu abaziwayo. Owayesakuba ngumsasazi kwiRadio Tygerberg neZibonele FM, uLubabalo Peter, uzimanye ngeqhina lomtshato nesithandwa sakhe uNoma Ngcelwane emsithweni obumbetshembetshe eQonce.

Emva kweminyaka emine, esi sibini singabantu abaziwayo sikhethe ukwenza umsebenzi waso ekhusini endaweni ebinabantu bekhaya, izihlobo nabahlobo kuphela. ULubabalo noNoma bagqibe kwelokuba babe mntumnye, indoda nomfazi, emva kokuthandana iminyaka ebalekayo.

Okuthe kwenza kwamnandi ngangumbi kukuba umtshato obungomhla wamashumi amabini ananye ubudibene ngqo nomhla wokuzalwa kukaNoma onikwe igama elitsha elithi 'Inenceba' kwikhaya lakhe elitsha.

UZozibini Tunzi noLuthando Bolowana batshatile.

Image: Zozibini Tunzi/Instagram

Imini yakhe umtshakazi iye yathi chatha xa umyeni wakhe emothusa ngomgrugra omhlophe wemoto entsha yodidi oluphezulu, iRange Rover Evoque. Kanti kwelinye icala, uZozibini Tunzi, owagqwesa koonobuhle behlabathi, uzimanye ngeqhina lomtshato noLuthando Bololwana emsithweni obungcotshile eKapa.

Nowabo umtshato ubuzinyaswe ngabantu abaziwayo abakhethekileyo abaquka uSiphiwe Tshabalala, uNomzamo Mbatha noConnie Ferguson. Khange kuphelele apho ngoba umsasazi woMhlobo Wenene FM, uMphuthumi Putco Mafani uzimanye ngeqhina lomtshato noZoleka Mbane oyintombi yakwaGubevu.