Ozibiza ngokuba ngumprofeti uShepherd Bushiri kunye nenkosikazi yakhe uMary.
Image: Jonisayi Maromo/IOL
Ozibiza ngokuba ngumprofeti uShepherd Bushiri nenkosikazi yakhe uMary Bushiri, abafuni nokulubeka unyawo eMzantsi Afrika ukuze bajongane nengalo yomthetho. Esi sibini sibhena isigqibo senkundla yaseMalawi sokuba babuyiselwe eMzantsi Afrika.
Kutshanje, esi sibini sibe ngundabamlonyeni emva kokuba iNkundla kaMantyi oyiNtloko eMalawi yenze isigqibo esibayalela ukuba babuyele eMzantsi Afrika ukuze bajongane nezityholo ababekwa zona.
Esi sibini sisamile kwelokuba simsulwa, kwaye sithi asinanjongo yokuxoxa ityala eMzantsi Afrika. Bathi abanathemba kwinkqubo yobulungisa yaseMzantsi Afrika, ngokwengxelo ye-eNCA.
UMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko eMzantsi Afrika, uMmamoloko Kubayi, utyhola esi sibini ngokwenza elinye iqhinga lokulibazisa, nalichasayo. UKubayi uthe bonke abaphuli mthetho abazukufuna ukujongana nenkqubo yenkundla njengesi sibini ukuba bayasivumela.
"Waya apho [enkundleni], wayefuna ibheyile kwaye wanikwa ibheyile kodwa wayophula. Ngoko ke, kukwenza kwakhe oko wajongela phantsi inkqubo yenkundla yaseMzantsi Afrika, kwaye kufuneka eze kujongana nengalo yomthetho. Ukuba akenzanga nto, kutheni ebalekile?" kutsho uKubayi.
Esi sibini sijongene nezityholo ezininzi eziquka ukudlwengula, ukwaphula imiqathango yebheyile, nokophula imithetho yemali nowabaphambukeli.
Ephendula kwisigqibo senkundla yaseMalawi kwiveki ephelileyo, uKubayi uthe: "Esi sigqibo siqinisekisa ukuzimela kwenkundla, intsebenziswano yamazwe ngamazwe, kunye nokuthembela koluntu kumaziko ezomthetho aseMzantsi Afrika naseMalawi," utshilo uKabuyi kwingxelo.
"Ibethelela umthetho-siseko wokuba akukho mntu ungaphezulu komthetho kwaye igxininisa ukubaluleka kokuziphendulela izenzo zakho, ukwenza izinto elubala, kunye nokuthotyelwa kwemigaqo yomthetho eMzantsi Afrika naseMalawi."