UMongameli waseNamibia uNetumbo Nandi-Ndaitwah, uLucia Witbooi onguSekela Mongameli noSaara Kuugongelwa-Amadhila onguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.
Image: File
Ilizwe laseNamibia lenze imbali ngokuba nabasetyhini abathathu kumanqanaba amathathu aphezulu olawulo. UNetumbo Nandi-Ndaitwah nguMongameli, uLucia Witbooi nguSekela Mongameli kwaye uSaara Kuugongelwa-Amadhila nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.
NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, uNandi-Ndaitwah ubekwe ngokusesikweni esikhundleni sakhe njengoMongameli welizwe kwikomkhulu iWindhoek. UnguMongameli wesihlanu waseNamibia. Phakathi kweendwalutho ebezizimase umsitho wakhe, bekukho uThabo Mbeki kunye noJacob Zuma ababesakuba ngooMongameli boMzantsi Afrika.
UNandi-Ndaitwah waba ngowasetyhini wokuqala ukuba ngumgqatswa wokuba nguMongameli wombutho iSouth West Africa People's Organisation (SWAPO). UKuugongelwa-Amadhila naye waba ngowasetyhini wokuqala kwisikhundla sakhe, ngelixa uWitbooi engowasetyhini wesibini ukuthatha isikhundla sakhe – uNandi-Ndaitwah ngowasetyhini wokuqala ukuba nguSekela Mongameli.
IKhabhinethi kaNandi-Ndaitwah inabaphathiswa abalishumi elinesine kwaye abasibhozo kubo ngabasetyhini, logama abathandathu bengamadoda.
Njengoko amaxesha etshintshile, uninzi lwabasetyhini lukwizikhundla zikarhulumente. Ngelixa inani labaMongameli ababhinqileyo liphantsi xa lithelekiswa nooMongameli abangamadoda, inani liyakhula nangona kunjalo.
Amanye amazwe aseAfrika ebenooMongameli ababhinqileyo aquka iLiberia, uEllen Johnson Sirleaf ebenguMongameli ukusukela ngo2006 ukuya ku2018. UJoyce Hilda Banda wayenguMongameli waseMalawi ukusuka ngo2021 ukuya ku2014. UAmeenah Gurib-Fakim wayenguMongameli waseMauritius ukusuka ngo2015 ukuya ku2018, yena uSahle-Work Zewde wayenguMongameli wase-Ethiopia ukusukela ngo2018 ukuya kutsho ku2024. USamia Suluhu Hassan nguMongameli waseTanzania owafungiswa ngo2021 emva kokusweleka kukaMongameli John Magufuli.