uSamsung ukhuphe iimveliso zakhe ezintsha kraca kunyaka ka2025
Image: Facebook
Inkampani yeminxeba ephathwayo, uSamsung, uze neenveliso ezintsha kwimakethe yaseMzantsi Afrika. Le nkampani ephala phambili kwihlabathi ngokuvelisa iifowuni eziphathwayo iphehlelele iimveliso zayo eziquka iGalaxy A56 5G, iGalaxy A36 5G neGalaxy A26 5G ezenziwe ngobuchule obumangalisayo.
Zonke zenziwe ukuze zinike abathengi ithuba lokuzisebenzisa ngolonwabo, ngesantya abasithandayo ngaphandle kobunzima ngoba zenziwe ngobugcisa bale mihla. USamsung wenze iifowuni ezomeleleyo, ezinelahle elihlala ixesha elide futhi ezinokhuseleko kakhulu.
Ubugcisa obutsha, iAI, bandise izinto ezininzi eziza konwatyelwa ngabasebenzisi beefowuni ngoba bona buqinisekisa ukusebenza kwazo kakuhle nangokukhawuleza. "Iifowuni zethu eziyiGalaxy A zigqamisa umsebenzi wethu ohamba neAI. Siyavuya ngoba abantu bonke ehlabathini baza kufumana ithuba lokwenza izinto ezininzi ngeemveliso zethu ezikhuselekileyo," utshilo uTM Roh wakwaSamsung.
Iifowuni ezintsha zinaye uGoogle onceda abantu ngolwazi neendaba. Nokuba umntu wenzani ngefowuni yakhe, kuthiwa angadlala umculo ecaleni. Kanti abathanda ukuthatha imifanekiso baza konwaba kakhulu ngoba iifowuni ezintsha zinekhamera (50MP) elungiselelwe ukusebenza phantsi kweemeko ezahlukeneyo.
Enye into eza konwabisa abantu kukuba uSamsung uze nento yokususa nokuba yintoni engathandekieyo emfanekisweni futhi umntu uyakwazi nokulungisa umfanekiso ngendlela afuna ngayo. Zonke sezifumaneka kwiivenkile ezithengisa iifowuni eMzantsi Afrika.
Related Topics: