UPrudence Sekgodiso wenze imbali ngokuba linenekazi lokuqala eliphumelele igodile eMzantsi Afrika kwi-Indoor Championship ebanjelwe eChina.
Image: World Athletics/Facebook
Imbaleki eyaziwayo, uPrudence Sekgodiso, ibhale iincwadi zembali ngokuba linenekazi lokuqala eMzantsi Afrika elifumene imbasa kwi-Indoor Championships ebanjelwe eNanjing, eChina. USekgodiso (23), onamendu angumangaliso, ugqibe umgama oyi800m kwixesha elingaphantsi kwemizuzu emibini (1:58:40).
Emva kwakhe kulandele uNigist Getachew wase-Ethiopia ngexesha elingaphezulu kancinci kuye (1:59:63). Kanti yona indawo yesithathu ifunyenwe nguPatricia Silva wasePortugal obaleke ixesha elingaphantsi kwemizuzu emibini (1:59:80) ngeCawe edlulileyo.
Ugqatso khange lube lula ngoba uSekgodiso ebethelekiswe nentshatsheli ebikhusela intshinga uTsige Duguma wase-Ethiopia. Imbaleki yoMzantsi Afrika iwakhuphe onke amendu enawo yatsho yaphumelela ngendlela encumisayo.
Impumelelo ayizuzileyo uSekgodiso iza kumnceda njengokuba ejonge ukwenza umsebenzi obhetele kwiWorld Championship eza kube iseTokyo, eJapan, ekuthambekeni kwalo nyaka. Yimbasa yegolide yesibini efunyenwe yoMzantsi Afrika le ifunyenwe nguSekgodiso kukhuphiswano oluseChina.
Imbasa yakhe yongeze kwefunyenwe yenye imbaleki yoMzantsi Afrika ephambili, uAkani Simbine, ofumene imbasa yebronze ngoLwesihlanu. UJohan Botha noMbulaeni Mulaudzi zezinye zembaleki zoMzantsi Afrika ezazike zafumana iimbasa kwi800m kwiminyaka eyadlulayo.
UKhotso Mokoena uphakathi kwabanye abeza nembasa yegolide kolu khuphiswan ngonyaka ka2008. Kweminye imidlalo, uCheswill Johnson noChris van Niekerk abakwazanga ukufumana iimbasa.
Related Topics: