UMphathiswa uXolile Nqatha uthi uqhankqalazo loonoteksi baseMonti ekuthiwa luza kuqhutywa ngoLwesibini alukho mthethweni.
Image: File
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha ulumkise abaququzeleli boqhankqalazo loonoteksi ekuthiwa luza kuqhubeka ngoLwesibini umhla wama25 kweyoKwindla, esithi olu qhankqalazo alukho mthethweni – uLwesibini lusuku oluqhelekileyo.
Imiyalezo isasazeke kumakhasi onxibelelwano ixelela uluntu ukuba iMonti izakuma ngxi, akukho teksi ziza kusebenza ukuxhasa umnini weeteksi uGabs Mtshala abakholelwa ukuba usisisulu sabezomthetho kulandela ukubanjwa kwakhe izihlandlo ezininzi.
UMphathiswa uNqatha ugxininise ukuba urhulumente wephondo uthatha uLwesibini njengosuku oluqhelekileyo kwaye abomthetho baza kusebenza ngenkuthalo ukukhusela amalungelo abantu bonke.
"Njengorhulumente wephondo, sihlaba ikhwelo kuluntu ukuba luhlale luthe qwa kwaye luxele nayiphi na imiba oluthe lwaqubisana nayo ezindleleni kwabezomthetho ngoLwesibini. Asinakuvumela abantu abangoozwilakhe ukuba banyhashe amalungelo abantu nanini na xa bethanda.
"Sifuna ukulumkisa abo baququzelela olu qhankqalazo lungekho mthethweni ukuba izenzo zabo mazinganyhashi amalungelo abantu bethu kungenjalo baza kujongana neziphumo ezibi," utshilo uNqatha.
UNqatha ukwathe kukho imiqathango esemthethweni kuye nabani na oziva ekhathazekile, angaya kwiinkundla zamatyala okanye kwicandelo lophando lwamapolisa elizimeleyo, i-Independent Police Investigative Directorate (IPID) xa ebona ukuba amapolisa amphethe kakubi.