Iqela iCape Independence Advocacy Group lithi lifuna uzimelegeqe eNtshona Koloni.
Image: File
Iqela iCape Independence Advocacy Group lithi lisendleleni eya eMelika ukuya kucenga urhulumente welizwe laseMelika, iinkampani ezizimeleyo kwakunye noluntu ngokubanzi ukuze bancediswe ukuba bafumane uzimelegeqe weNtshona Koloni.
Lo mbutho uthi iinjongo zawo eziphambili kukuba elaseNtshona Koloni liphume liphele phantsi kolawulo lelizwe loMzantsi Afrika.
URob Hersov ngomnye wabo bakholelwa ngamandla ukuba kumele ukuba banikwe uzimelegeqe beyiCape Independence Advocacy Group.
"Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika upasise imithetho elikhulu namashumi amane esekelezelwe kubuhlanga, le mithetho ijoliswe okanye ibonisa ukuchasa abamhlophe kweli," kutsho uHersov.
Iingcali zemicimbi yezopolitiko kwinqanaba lehlabathi zithi inzulu injongo yeCape Independence Advocacy Group ngoko mayijongwe ngemehlo elibanzi. Ingxaki yokuhlaselwa kwezikhephe zaseMelika nezakwaSirayeli ngomnye wonobangela abafihlakeleyo ababangela ukuba kubekho imibutho efana neCape Independence Advocacy Group.
Amaqela abavukeli athe gqolo ukuhlasela izikhephe ezigqitha kwiRed Sea kwaye oku kubetha ngamandla urhwebo noshishino lelizwe laseMelika noSirayeli.
Umzila ohamba ugqithe kwiCape of Good Hope eKapa ngowona ushiyekileyo onokusetyenziswa zezi zikhephe ukuze zigqithise imithwalo yazo.
Ngoko ke inzulu injongo yeCape Independence Advocacy Group yokufuna ukuzimela kwabo eKapa. Bafuna ukuba ezi zikhephe zisebenzise la mzila ngaphandle kwengxaki.
UChristien du Preez ngomnye wabantu abaxhasa umbono wokuba iNtshona Koloni inikwe uzimelegeqe iphume kuMzantsi Afrika. "Ndikholelwa ukuba sinazo zonke nje izizathu zokuphuma kuMzantsi Afrika sibe ngurhulumente ozimeleyo, sinamazibuko, sinamaziko oshishini acacileyo.
"SiyiNtshona Koloni enamasimi amakhulu okuvelisa iindidi zedriwa, imveliso yeziqhamo ezahlukeneyo, ngoko ke sibongoza wonke ubani ukuba azimanye nathi," kucacisa uChristien du Preez.
Related Topics: