Kubanjwe indoda enamashumi amathandathu ananye eminyaka ubudala emva kokuba ifunyenwe nemipu emibini engekho mthethweni kunye neembumbulu kwilali yaseLuthubeni eLibode.
Image: File
Kubanjwe indoda engamashumi amathandathu ananye eminyaka ubudala emva kokufanyanwa kwayo inemipu emibini engenamaphepha mvume kunye neembumbulu ngoLwesibini, umhla we18 kweyoKwindla, kwilali iLuthubeni, eLibode.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, amapolisa agaleleke kwikhaya lomrhanelwa nalapho afumene omnye wale mipu ukhuhlwe inombolo sazisi yawo kwaye uneembumbulu, owesibini wona usenenombolo sazisi yawo.
Uqhube wathi yomibini imipu ithe yathatyathwa ukuze kwenziwe uvavanyo lweballistic, ukuze kujongwe ukuba ayibandakanyeki na kulwaphulo mthetho. Umrhanelwa uvele phambi kweNkundla kaMantyi eLibode, ngoLwesibini umhla we18 kweyoKwindla ngezityholo zokuba nemipu neembumbulu ngokungekho semthethweni.
UMkomishinala wamaPolisa kwiNgingqi yeOR Tambo, uMajor General Norman Modishana uncome onke amalungu amapolisa athe ayinxalenye yolu phando, watsho esithi iinzame zawo zikhusele kulwaphulo mthetho olungekenzeki.
"Ukususwa kwemipu engekho semthethweni ekuhlaleni kuqinisekisa ukhuseleko lwabahlali bonke. Ndiyawancoma amapolisa ngokuzinikela nokuzibophelela ekulweni ulwaphulo-mthetho," utshilo uMajor General Modishana.
Related Topics: