Iindaba

Bangaphezu kwama-60 000 abamhlophe beli abafuna ukuya eMelika

Siyabulela Mqikela|Published

Bangaphezu kwama60 000 abantu abamhlophe baseMzantsi Afrika abafuna ukufudukela eMelika.

Image: iStock

UNeil Diamond weSouth African Chamber of Commerce eMelika uqinisekise ukuba bakufuna ngamandla abamhlophe beli ukuya eMelika. 

Oku kusemva kokuba uMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump ekhuphe isibhengezo sokuba iingcango zivuliwe kwabomhlophe beli ukuba bayekuhlala eMelika.

UTrump wathetha oku emva kokuba wathi waxokiswa ngumbutho weAfriForum namahlakani awo ngelithi urhulumente weli uthatha umhlaba kubantu abamhlophe.

UDiamond ukutyelelo kweli loMzantsi Afrika esiza kuqinisekisa amanani wabantu abamhlophe beli abafuna ukuya kuhlala eMelika.

"Bekubalulekile kuthi siyiSouth African Chamber of Commerce ukuba sityelele eli loMzantsi Afrika ukuze siqinisekise ukuba ngenene bakhona abantu abafuna ukulisabela eli khwelo," kutsho uDiamond. 

Uthi emva kokufumana ezi ngxelo zokuba iMelika iyabamkela abantu beli loMzantsi Afrika ukuba bayekuhlala kwela lizwe, kwabakho abanomdla.

"NgoMgqibela womhla wesibhozo kwinyanga ephelileyo emva kokuba sigqithise olu lwazi kwabo balapha eMzantsi Afrika, lenyuka ngamandla inani labantu ababonakalise ukuba ngenene bayafuna ukufudukela kwelaseMelika," kutsho uDiamond.

Ukhusele umbutho wakhe ngelithi awunanto yokwenza nezopolitiko, koko bangene kulo mcimbi kuba besebenza ngabantu bezoshishino. Oku kwenzeka nangona urhulumente welizwe laseMelika egxothe unozakuzaku weli kwela lizwe, uEbrahim Rasool.

"Ndikweli loMzantsi Afrika ukuza kuthetha nomzi wozakuzo waseMelika kweli ukuze sifumane amanani neenkcukacha zabo bafuna ukuya eMelika ukuze kungabikho ngxaki," kutsho uDiamond.

Uthi abakukhuthazi ukuba abantu balishiye eli, kodwa kunjalo abakwali ukuba abantu basebenzise amathuba avelayo.

Bangaphezu kwama-60 000 abamhlophe beli abafuna ukuya eMelika