Unozakuzaku woMzantsi Afrika eMelika, uMnu. Ebrahim Rasool.
Image: Courtney Africa/African News Agency (ANA)
Umbutho wabasebenzi iCongress of South African Trade Unions (Cosatu) uthi uza kumamkela ngezandla ezishushu unozakuzaku weli loMzantsi Afrika eMelika, uEbrahim Rasool, xa ebuyela eKapa.
URasool usendleleni emva kokuba ethe wanikwa uphumaphele kwilizwe laseMelika ngenxa yento ebizwa ngokuba kukonyanya iMelika noMongameli wayo uDonald Trump. Unobhala worhulumente welizwe laseMelika, uMarco Rubio, ukhuphe ingxelo kumakhasi onxibelelwano esithi uRasool akasamkelekanga kwela lizwe.
UNobhala weCosatu eNtshona Koloni, uMalvern De Bruyn, uthi balungiselela ukwamkela uRasool ngesidima nesithozela esimfaneleyo. ICosatu ibibambe inkongolo yayo yesithandathu ngethuba kuthathwa isigqibo sokuba uRasool amkelwe ngendlela efanelekileyo ekhayeni lakhe eNtshona Koloni.
"UEbrahim Rasool ngomnye wethu, ngunyana wesi sizwe, ngoko ke singuCosatu sigqibe ukuba xa egaleleka kwisikhululo seenqwelomoya saseKapa simnike ulwamkelo olumfaneleyo," kutsho uDe Bruyn.
URasool lelinye lamaxhoba amaninzi ehlabathini ngenxa yeenguqu ezenziwe nguTrump emva kokuba engene esihlalweni sokongamela ela lizwe laseMelika. Uqhawuke ujingi phakathi kweMelika noMzantsi Afrika emva kokuba uTrump ekhuphe iingxelo zokuba uyayinqumamisa imali yeUSAID ebinikwa uMzantsi Afrika lela lizwe.
"SinguCosatu siyawagxeka amanyathelo kaTrump, ngokukodwa ngokumayela namazwe aseAfrika, kungoko sisithi siza kumamkela ngokufanelekileyo uRasool," kutsho uDe Bruyn.
URasool ukhe wasebenza njengeNkulumbuso yephondo laseNtshona Koloni ngexesha lokuphatha kweANC kwela phondo. Unomzila omhle wezopolitiko eNtshona Koloni ngenxa yomsebenzi wakhe kwezopolitiko ngamaxesha engcinezelo.
Ukanti, uMphathiswa wemicimbi yezangaphandle kweli, uRonald Lamola, uthi uRasool ugxothwa eMelika xa kanye equkumbela amalungiselelo okwamkela igqiza leli kwela lizwe laseMelika.
"Ebesele ekumanqanaba okugqibela okulungiselela utyelelo lwethu kwela lizwe laseMelika, ngelishwa ke kwenzeka oku kokuba agxothwe eMelika," kutsho Lamola.
Related Topics: