Imvumi engasekhoyo uYolanda "Yallunder" Nyembezi.
Image: Instagram
Imvumi eyazalelwa eMpuma Koloni, uYolanda Nyembezi, 30, nowaziwa ngegama leqonga elithi Yallunder, ulandulele eli. NgoLwesihlanu, usapho lwakhe luqinisekisile ukubhubha kwakhe, lusithi ubhubhele esibhedlele emva kokugula iinyanga.
"Kungeentliziyo ezibuhlungu ukuba sabelane ngeendaba ezibuhlungu zokusweleka kwentombi, udade wethu kunye nomhlobo wethu esimthandayo, uYolanda Nyembezi, owaziwa ngelikaYallunder.
"UYolanda ulwe ngokukhaliphileyo kwiinyanga zokugula kwakhe, ebambelele kubomi ngokunyamezela nangobabalo de wabe ulandulele eli ngoLwesine, umhla we13 kweyoKwindla 2025, kwisibhedlele iCharlotte Maxeke Academic Hospital. Uhambo lwakhe yayilolo lwamandla angagungqiyo, kwaye nakwelona xesha libuthathaka, uye wahlala esisibane sothando, ububele kunye nobugcisa," lutshilo usapho lwakhe kwingxelo.
Usapho lwakhe lukwathe ukubhubha kwakhe kushiye isikhewu ezintliziyweni zabo, kodwa baza kuthuthuzeleka kukwazi ukuba umculo wakhe, ilifa lakhe kunye nothando alutyale emhlabeni luya kuhlala ngonaphakade.
UYallunder wayeyimvumi yomculo weAfrosoul eyazalelwa yaze yakhulela eBizana, eMpuma Koloni. Wazalwa ngomhla wama23 kweyeThupha ka1994. Wayeyimvumi eqeqeshiweyo, nowathweswa isidanga kwivocal pedagogy emva kokuphumelela ngokugqwesileyo. Usebenze neemvumi ezifana noKabza De Small, uKelvin Momo noBabalwa M, ukubalula ezimbalwa. Ngo2020, wakhupha iEP enesihloko esithi, Uthando Lwam, kwaye ngo2023, wakhupha icwecwe elinesihloko esithi Kum.
Usapho luthe luzakwabelana ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga nenkonzo yesikhumbuzo namalungiselelo omngcwabo ngexesha elifanelekileyo.
Related Topics: