Ababini kwabarhanelwa abathathu ababanjiweyo bezigqume ubuso.
Image: Uthathwe kwividiyo/Screenshot
Kubanjwe abantu abathathu malunga nobuqhophololo bamakhadi akwaSASSA. Abarhanelwa, nabangabasebenzi kwisebe leofisi yakwaSASSA kumbindi weRhawuti, babanjwe ngentsasa yangoLwesihlanu.
Basixhenxe abantu abayanyaniswa nokugqumza uSASSA imali exabisa izigidi ezingamakhulu amabini anamashumi amathandathu anesihlanu eerandi (R265 million). Amapolisa akhangela abanye abane, kuquka nomphathi naye ochaphazeleka kolu lwaphulomthetho.
Ngokweengxelo, kwinyanga yoMdumba, omnye umsebenzi wakwaSASSA wabanjwa, nabanye abarhanelwa abathathu. Ethetha noonondaba isithethi samapolisa aseGauteng, uLieutenant Colonel Mavela Masondo, uthe, "Sigqiba kubamba abasebenzi abathathu bakwaSASSA. Sibabambele ubuqhophololo. Ngamabhinqa amabini nendoda enye. Bonke bangabalawuli bezibonelelo apha kwaSASSA."
UMasondo uthi eli tyala liqale ngenyanga yoMdumba. "Khumbula ngenyanga yoMdumba sibambe abarhanelwa abane kwaDlamini, ibingamabhinqa amabini namadoda amabini. Enye indoda ngummi waseTopiya. Oku kusemva kokuba befunyenwe bekhupha imali ngobuqhophololo kwaShoprite, besebenzisa amakhadi akwaSASSA."
Angaphezulu kwekhulu namashumi amathathu amakhadi akwaSASSA neebhanki, iifoto zesazisi kunye neepasi ezifunyenwe komnye wabarhanelwa ababanjwe ngenyanga yoMdumba.
Kulindeleke ukuba kubanjwe abanye abantu.
Related Topics: