Umsebenzi wasegaraji elele phantsi emva kokubethwa ngamadoda amabini.
Image: Screenshot
Kubanjwe abarhanelwa ababini emva kokunkula umntu osebenza kwigaraji yaseWellington iBP eKapa.
Ividiyo yolu hlaselo isasazeke kumakhasi onxibelelwano. Esi sehlo, nesigxekwe ngabantu abaninzi abamemelele ubulungisa, senzeke ekuqaleni kwale nyanga – ngomhla wokuqala kweyoKwindla 2025.
Abarhanelwa, abaneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) namashumi amabini anesithoba (29) ubudala, babanjwe ngoLwesine, umhla weshumi elinesithathu (13) kweyoKwindla 2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uAnelisiwe Manyana, izityholo zibandakanya ukubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba, kunye nelinye ityala elongezelelweyo lokuthoba isidima somnye umntu ngokungekho semthethweni nangabom (crimen injuria).
"Iingxelo zidiza ukuba ummangali wayesemsebenzini ngethuba kungena imoto yohlobo lweGolf emhlophe yaza yamisa kwindawo yokumpompa ipetroli. Kutyholwa ngelithi ummangali ucele umqhubi obemi ngaphandle kwesithuthi nomhlobo wakhe ukuba asuse isithuthi sakhe asise kwindawo yokupaka.
"Umrhanelwa emva koko wathuka ummangali waza, ekunye nomhlobo wakhe, baqalisa ukumbetha. Ummangali usiwe kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango ngenxa yokwenzakala," utshilo uManyana.
BUKELA IVIDIYO NGEZANTSI