Yimali engamashumi amabini anesithathu eebhiliyoni zeerandi ebekelwe ukonyuswa kwemivuzo yabasebenzi bakarhulumente.
Image: File
UMphathiswa wezimali kweli uEnoch Godongwana uthi iSebe lakhe libekele bucala imali engamashumi amabini anesithathu eebhiliyoni zeerandi ngeenjongo zokunyusa imirholo yabasebenzi bakarhulumente.
Kuthiwa le mali iza kubangela ukuba imirholo yasebenzi bakarhulumente inyuke ngomyinge weepesenti ezintlanu nesiqingatha ekhulwini (5.5%). Oku kuza kwenzeka kwisithuba seminyaka emithathu ngelizama ukukhuthaza nokuqaphela umsebenzi owenziwa ngabasebenzi bakarhulumente.
Ingxelo kaGodongwana ithi, le mali kulindeleke ukuba iqale ukunyuka ngomhla wokuqala wenyanga ezayo uTshazimpuzi.
"Le nkcitho yokunyusa le mirholo iza kudla urhulumente imali eyongezelelweyo ekwiibhiliyoni ezisixhenxe kunyaka mali u2025/26, ize ngonyaka mali u2026/2027 inyuke ngomyinge wemali ekwiibhiliyoni ezisibhozo," kucacisa uGodongwana.
UGodongwana wenze intetho yahlohla lwabiwo mali ethe yafumana izigxeko ezimandla kwimibutho ephikisayo equka iDA nekhalazela ukunyuswa kwerhafu iVAT.
"Sikwabekele bucala imali eziibhiliyoni ezilishumi elinanye ngeenjongo zokucenga abo banqwenela ukuyeka ukuphangela kurhulumente, ingakumbi abo bagqithileyo kwiminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu," kucacisa uGodongwana.
Kudala imibutho yabasebenzi ijijisana norhulumente ibongoza ukuba kunyuswe imirholo yabasebenzi kumaSebe ahlukeneyo kweli.
Imibutho yabasebenzi kweli ikubona ngeendlela ezahlukeneyo ukunyuswa kwale mirholo, eminye ikwamkela, logama eminye isithi akwanelanga.
Related Topics: