Umfundi weendaba omtsha, uAnelisa Dumezweni, uvuyela ukufumana ithuba elinqabileyo lokusebenzela iSABC News.
Image: Facebook
Ukufunda iindaba zesiXhosa kwijelo losasazo loluNtu, iSABC, kufana nokuzaliseka kwephupha kuAnelisa Dumezweni (33) awabanalo esemncinane. Kwinyanga yokugqibela ka2024, uDumezweni wanikwa ithuba elinqabileyo lokufunda iindaba kwiSABC TV awayebukela kuyo abantu abathandayo nabahlahla indlela kumabonakude abafana noNoxolo Grootboom noZodwa Nogilana ongumphathi wakhe ngoku.
Intshisakalo yokufunda iindaba yafumana indawo kuAnelisa esakhula kwilali yaseNgxakaxha, eDutywa, emva kokuqheliswa ukubukela iindaba nguTat' omkhulu wakhe owayethanda kakhulu uNoxolo Grootboom esasebenzela uSABC. "UTat' omkhulu wam wayedla ngokuthi: 'Inganguwe lowa mnt' nam. Uthetha ngolwa hlobo futhi ikhona indawo efana nawe phaya kuye.'
"Zange ndiyiqonde into ayithethayo utat' omkhulu ngela xesha – kodwa endikwaziyo kukuba wayemthanda umam' uNoxolo," utshilo uDumezweni ofike wangathi ukuqhelile ukufunda iindaba ethivini. Njengokuba engumfundi weendaba zesiXhosa kwelona jelo leendaba elikhulu eMzantsi Afrika, uAnelisa uvumile ukuba ngenene wabanefuthe umam' uNoxolo kumntu anguye namhlanje obukelwa zizigidi zabathandi zabantu elizweni lonke.
Emva kwexesha elide ezama ukufika kwinqanaba eliphezulu, uDumezweni uthi akakayikholelwa ncam eyokuba nguye nyhani ofunda iindaba zesiXhosa ethivini. Indlela yakhe eya kwiSABC News khange ibelula njengabaninzi. Waqala ngokulola isakhono sakhe kumajelo eendaba eMpuma Koloni phambi kokuvela komfundi weendaba okwinqanaba eliphezulu akulo ngoku.
Usebenze kwisikhululo sasekuhlaleni ekuthiwa yiNgqushwa FM phantsi kwesandla sikaVuyolwethu Ngalonkulu owayengumphathi ngoko phambi kokuqala iphephandaba lakhe lesiXhosa, iEC Indaba Newspaper, aqaqambe kulo njengombhali nanjengosomashishini ophakamise abanye eMpuma Koloni. "Ndiyazibona ndivuka ekuseni ndiye emsebenzini, ndime phambi kweekhamera, ndifunde iindaba – kodwa andikakholelwa ukuba ndim nyhani.
"Ingathi ndibona omnye umntu xa ndizijonge ethivini. Mhlawumbi andikakholelwa ukuba ndiyifumene nyhani le nto ngenxa yobude bendlela endiyihambileyo. Ukuba ngunondaba yinto yam endayiqala eNgqushwa FM ngonyaka ka2018. Kulapho ndazibona khona ndingumfundi weendaba kuMhlobo Wenene FM okanye ethivini.
"Zange ndicinge ukuba elo phupha lakube selifezekisiwe ngoku emva kweminyaka embalwa ndemkayo kunomathotholo wasekuhlaleni," utshilo uAnelisa echwayitile. Le nzwakazi yaseDutywa eliqhayisa ngelizwi elimnandi ithe ukusungula iphephandaba layo kwaphenjelelwa kukufuna ukubonwa ziindawo ezifana nale akuyo ngoku.
"Ndenza njalo kanti uThixo uza kwenza imigudu yam ibonakale nakwiindawo ezifana noSABC owatsalwa yindlela endandifunda ngayo iindaba kudliwanondlebe endingalenzanga kanye," utshilo uAnelisa oxhobe ngeDiploma yakhe kwiFinancial Management awayifumana eFalse Bay College, eKapa. Ebhekisa kwabasakhulayo, uAnelisa uthe nabo banganikezeli endlelni ngoba awuyenzi lo nto xa usilwela iphupha lakho.
Related Topics: