Umbutho weDA uthi abalwamkeli naluphi na uhlobo lokunyuswa kwerhafu.
Image: File photo
Umbutho weDemocratic Alliance (DA) uthi awujiki kwelokuba awukwamkeli ukunyuswa kwerhafu, iValue Added Tax (VAT) nguMphathiswa wezeziMali uEnoch Godongwana.
Ukunyuswa kwale rhafu kubangele ukuba kwinyanga ephelileyo uGodongwana angakwazi ukuqhubela phambili intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali.
Osisithethi sombutho weDA, uKarabo Khakhau, ukubeke kwacaca ukuba nangona kungekacaci nje ukuba iqulethe ntoni intetho kaGodongwana, kodwa bona beyiDA abahambisani nokunyuka kwerhafu iVAT.
"Sifuna ukuba kungabikho nesenti eza kunyuswa ngayo irhafu yeVAT, iDA ayamkele nokuncinci ukunyuswa kwale rhafu, abantu boMzantsi Afrika bayahlupheka abakwazi kubeka ukutya etafileni," uhambisa atsho uKhakhau.
I-DA ithi kungaphungulwa inkcitho eyenziwa ngurhulumente ngokuthi kulandelwe isicwangciso abasifake kurhulumente.
"Sifake isicwangciso esimiqolo imithandathu ebonisa ukuba kungabalekwa njani ukunyuswa kweVAT ngurhulumente, ininzi imali ehamba nje isetyenziswa kwizinto ezingonobenani, makuphungulwe inkcitho karhulumente," kutsho uKhakhau weDA.
Akukho bani waziyo ukuza kuthi ga ngoku ukuba iza kunyuswa iVAT okanye iza kuhlala imile, akukho bani waziyo ukuba xa inyusiwe kuza kwenziwa ntoni.
UGodongwana kulindeleke ukuba othule intetho yohlahlo lwabiwo mali yesizwe nekuchazwe ukuba iqikelelwa kwiitriliyoni ezintandathu zeerandi.
Uninzi lwemibutho ephikisayo kweli engaphakathi kwindibanisela karhulumente naleyo ingekho ngaphakathi kurhulumente inoluvo lokuba akukho mfuneko yokunyuswa kweVAT.
Related Topics: