UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana wenze intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali ePalamente ngoLwesithathu.
Image: Armand Hough/Independent Newspapers
UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana wenze intetho yohlahlo lwabiwo mali luka2025 ngoLwesithathu, umhla we12 kweyoKwindla 2025, nebilindelwe ngabaninzi emva kokuba imisiwe kwinyanga ephelileyo.
Intetho yohlahlo lwabiwo mali iqaqambise imiba emininzi engundoqo efana nokunyuswa kwerhafu, imeko yezoqoqosho, kunye nokuqhubekeka kwezibonelelo zeCOVID-19 SRD, ukubalula ezimbalwa. Nanga amagqabantshintshi entetho.
Irhafu iya kunyuka nge0.5% ngo2025/26 kunye ne0.5% ngo2026/27. "Nangona le ngxoxo igqugqisile kukunyuswa kwerhafu ecetywayo iValue Added Tax (VAT), ingxoxo enkulu mayibe malunga nendlela esikhulisa ngayo uqoqosho ukuze kuxhamle isininzi," utshilo uGodongwana.
Ngokokutsho kukaGodongwana, uqoqosho luneminyaka elishumi lungakhuli. Ngelo xesha, ukukhula kweGDP kuye kwaba ngumyinge ongaphantsi kwe2% ngaphantsi kwenqanaba elifunekayo ukuhlangabezana noluhlu lwethu olwandayo lweemfuno.
Uthe ngo2024, uqoqosho lukhule nge0.6% kuphela. Kwisithuba esiphakathi, ukukhula kweGDP kuqikelelwa kumyinge we1.8%.
Imali eyabelwe isibonelelo sabantu abadala ingaphaya kwekhulu leebhiliyoni zeerandi (R117.4 billion), inkamnkam yabantu abadala nabantu abakhubazekileyo iza konyuka ngeR130 – baza kufumana iR2315 ukuqala kwinyanga ezayo kwekaTshazimpuzi. Ingaphezulu kwamashumi alithoba eebhiliyoni zeerandi (R90.4 billion) eyabelwe isibonelelo sabantwana nesonyuswe ngeR30, abantwana baza kufumana inkamnkam yeR560. Isibonelelo sokuxhasa abantwana abahlala nabakhuliswa ngabantu abangengabo abazali babo sinyuke ngeR70. Ngaphezulu kwamashumi asixhenxe eebhiliyoni zeerandi (R77 billion) zabelwa ezinye izibonelelo, ngaphezulu kweebhiliyoni ezingamashumi amathathu eerandi (R35.2 billion) eyabelwa isibonelelo seSRD iR370 nesithe sandiswa ukuya kutsho kweyoKwindla 2026.
Imali eyabelwe imfundo esisiseko ingaphaya kwamakhulu amathathu eebhiliyoni zeerandi (R332.3 billion). Ngaphezulu kwamashumi amahlanu eebhiliyoni zeerandi (R55.4 billion) ebekelwe iNSFAS, amaziko ophuhliso lwezakhono abelwe ngaphezulu kwamashumi amabini eebhiliyoni zeerandi (R27.9 billion), ngelixa amaziko eTVET abelwe ngaphezulu kweshumi leebhiliyoni zeerandi (R14.2 billion).
Ukuhlawula imivuzo kwenza i76% yohlahlo lwabiwo mali lwemfundo yephondo. Yimali engaphezulu kweshumi elinesithoba leebhiliyoni zeerandi (R19.1 billion) eyongezwe ukugcina ootitshala abali11 000 emagumbini okufundela. Kuphela yiR24 kwiR100 nganye eseleyo yokuxhasa ngemali izikolo, ukutya neencwadi.
Inkxaso mali yophuhliso lwabantwana abasebancinane (ECD) ayizange itshintshe ukusukela ngo2019 apho ibiyiR17 ngosuku, ngomntwana ngamnye. Ishumi leebhiliyoni ezongezelelweyo zeerandi (R10 billion) kwixesha eliphakathi labelwe ukonyusa inkxaso mali ukuya kwiR24 ngosuku ngomntwana ngamnye. Urhulumente ukwanethemba lokuba oku kuya kuxhasa ukwanda kofikelelo kwiEDC kubantwana abangama700 000 ababudala ukuya kwiminyaka emine ubudala.
Ngaphezulu kwekhulu elinamashumi amathathu anesibini eebhiliyoni zeerandi (R132.1 billion) ebekelwe iinkonzo zempilo zesithili, ngaphaya kwamashumi amahlanu anesibhozo eebhiliyoni zeerandi (R58.3 billion) eziya kwiinkonzo zezibhedlele zengingqi, kunye namashumi amane anesithoba eebhiliyoni zeerandi (R49 billion) kwiinkonzo zezibhedlele zephondo. Imali engaphaya kweshumi elinanye leebhiliyoni zeerandi (R11.9 billion) yabelwa ulawulo nokugcinwa kwamaziko ezempilo kwaye ngaphaya kwamashumi amane anesixhenxe eebhiliyoni zeerandi (R47.5 billion) iya kwezinye iinkonzo zempilo.
Enye imali engaphezulu kweebhiliyoni ezilithoba zeerandi (R9.4 billion) yabelwe inkxaso mali yomkhosi kunye neenkonzo zoluleko. Iibhiliyoni ezintlanu zeerandi (R5 billion) zabelwe iSebe lezoMkhosi ukuxhasa iphulo leSADC eDRC kunye nokongeza kwimisebenzi esele ikhona yokugcina ugcwangco.
Ixabiso lotywala kunye nemidiza liya kunyuka ngolu hlobo:
Related Topics: