Umfundi waseHendrik Kanise Combined School, uAnele Glen Mboyi, uchwayitile emva kokuphumelela ukhuphiswano lwesiXhosa.
Image: Uthunyelwe
Isadada emafutheni intliziyo yomfundi kaGrade 11 waseHendrik Kanise Combined School, uAnele Glen Mboyi, emva kokugqugqisa kukhuphiswano lwesiXhosa wafumana indawo ephambili kwiveki ephelileyo eGqeberha. Oku kwenzeke eholweni lelokishi yaseMotherwell – apho bekudibene abafundi abaphuma kwizikolo ezingamashumi amabini ananye kukhuphiswano lokufunda nokuhlalutya iincwadi zesiXhosa nesiNgesi obuxhaswe liSebe leZemidlalo, iNkcubeko, uBugcisa noLonwabo kwiphondo leMpuma Koloni.
Ngunyaka weshumi lo ukukhuphiswano ekuthiwa yiThe Alex Matikinca Reading Competition liqhutywa. Injongo yokhuphiswano kukukhuthaza abafundi ukuba bafunde iincwadi ngengqiqo nokukhumbuza ulutsha ukuba imfundo sisixhobo esinamandla sokuguqula ubomi nesinika abantu amathuba alinganayo kwezoqoqosho. Ngenxa yokuqava kwakhe, ootitshala batyumbe uMboyi njengomnye wabafundi oza kumela iHendrik Kanise Combined School.
Nangona eqavile, uMboyi uxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba ebesoyika phambi kokhuphiswano – kodwa wakhumbula amazwi enkuntazo awathethwa ngutitshala wakhe ngenye imini. "Njengomfana osemncinane, odlamkileyo, ongenazo iintloni zokuthetha esidlangalaleni, ndicinga ukuba utitshala wam ubone ndikufanele ukuswantsulisa oogxa bam bezinye izikolo kwela Gqeberha," utshilo uMboyi echwayitile emva kokuphumelela.
"Bekungekho lula phaya. Bendikhuphisana nabafundi bezikolo ezisixhenxe. Ndiye ndacinga ukuyeka phambi kokhuphiswano kodwa ndacinga amazwi katitshala athi: 'Ikamva lakho lixhomekeke kuwe'. Umama nabanye abafundi endifunda nabo bandixhasile kakhulu," utshilo uMboyi ongowaseGeorge – kodwa ohlala eQhorha ngenxa yempangelo kanina.
Uzingomba isifuba uMboyi ngolwimi lwesiXhosa kakhulu. Ukuphumelela kumonwabisile kakhulu futhi noogxa bakhe esikolweni sakhe basavuyisana naye. "Lulwimi lwam isiXhosa, kumele ndizingce ngalo. Yinto enkulu kakhulu kum ukuphumelela ukhuphiswano lwesiXhosa. Ndonwabile ngoba ukuphakamisa igama lesikolo sam nomasipala wam asinto encinci.
"Alupheli usuku ndinganconywanga esikolweni. Lo nto indikhuthaza ngakumbi. Kugcotyiwe esikolweni ngabantu bonke," uvale ngalo mazwi uMboyi ofuna ukuba ngugqirha wentliziyo ebomini bakhe. IHendrik Kanise Combined School iphakathi kwezikolo eziqhwatyelwe izandla yinkokeli yephondo, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane, emva kokufumana iziphumo ezihle kakhulu kwiimviwo zeMatriki kunyaka ka2024.
Esi sikolo saseQhorha (Alicedale) sizibalule ngonyaka ka2022 ngethuba sipaselwa ngabantwana bonke (100%) ababesenza iMatriki phantsi kwesandla senqununu enguMnu. Monde Myona.
Related Topics: