Inani labantu ababhubhileyo kwingozi yebhasi lenyuke laya kutsho kwishumi elinesithandathu.
Image: Arrive Alive
Ibhasi kaMasipala waseKurhuleni ebinabakhweli isuka eKatlehong isiya ePomona ibandakanyeke kwingozi ngentsasa yangoLwesibini kufutshane nesikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International. Inani labantu ababhubhileyo kule ngozi yebhasi kuhola wendlela uR21 linyuke laya kutsho kwishumi elinesithandathu.
Bangaphaya kwamashumi amane abantu abonzakeleyo ababalekiselwe kwizibhedlele ezahlukeneyo kuMasipala waseKurhuleni.
Ngokwengxelo yeRoad Traffic Management Corporation (RTMC), le ngozi ibiphakathi kwebhasi nemoto encinci engachazwanga. Zombini ezi zithuthi bezihamba kumgaqo wesithathu ukusuka ngasekunene kweR21.
"Inani labantu ababhubhileyo ngoku limi kwishumi elinesithandathu. Abantu abalishumi elinesibini babhubhele kwindawo yexhwayelo, abanye abane babhubha ngenxa yokonzakala kwabo esibhedlele," utshilo uSimon Zwane, isithethi seRTMC.
Kutyholwa ukuba le moto encinci inyathele ngequbuliso iziqhoboshi zayo emva kokuphoswa yindlela yokuphuma.
Ngelinge lokuthintela ingozi, kuthiwa umqhubi webhasi naye uye wanyathela ezakhe iziqhoboshi yaza yaphepha le moto encinci, kodwa oku kubangele ukuba umqhubi aphulukane nolawulo yaza yabhukuqa ibhasi.
UMasipala waseKurhuleni udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabo bathe baphulukana nobomi babo kule ngozi embi yebhasi. "Sixakiwe ukuba singathini. Le yintlekele ebuhlungu. Sithumela amazwi ovelwano kwiintsapho zabangasekhoyo, kwaye sithandazela abalulama kwizibhedlele ezahlukeneyo ezingqonge le ndawo," utshilo uAndile Mngwevu onguMMC ojongene noCwangciso lweNdlela noThutho Ekurhuleni.
Related Topics: