Le ndoda ilahlekileyo uMthobeni Matoti.
Image: SAPS
Amapolisa aseKabega Park acela uncedo kuluntu ekukhangeleni indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo ubudala elahleke ngoMvulo we10 kweyoMdumba 2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uMthobeni Matoti (58) ebekwinkosikazi yomntakwabo kwisitalato iStafford, eSherwood.
"Malunga nentsimbi ye14:10 umfazi womntakwabo wafuna ukumsa kwagqirha, kodwa akazange amfumane endlini. Akazange aphinde abuyele endlini [uMatoti]," utshilo uJanse Van Rensburg.
UMatoti kuthiwa ngowaseMonti kwaye ebetyelele olu sapho. Ngexesha lokunyamalala kwakhe, wayenxibe ibhulukhwe emdaka ngombala, ihoodie ebheyji, ibleyza engwevu enezihlangu ezimastadi.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uMthobeni Matoti ukuba atsalele umcuphi uSajini uDeidre Harker ku-063 157 2964 okanye iCrime Stop kule nombolo 08600 10111, okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufuphi kubo.
Related Topics: