Ababhali abatsha bakwaBhaca, uZukisile Zindlovu no-Unam Khuzani, bechwayitile emva kokufumana incwadi yabo entsha.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Ababhali bencwadi entsha kraca ethi: 'Nalapho kungekho qhude kuyasa', bavakalise uvuyo olukhulu emva kokupapashwa kwayo kwiveki ephelileyo. Uchulumanco kuZukisile Zindlovu no-Unam Khuzani belubhalwe kwiimbuso zabo xeshikweni kuphehlelelwa iincwadi zababhali liSebe leZemidlalo, uLonwabo, iNkcubeko noBugcisa emsithweni obukhazimla edolophini eGqeberha ngomhla wesine kule nyanga yoKwindla.
Incwadi yeenzalelwane zakwaBhaca ibiphakathi kweencwadi ezingaphezulu kumashumi amabini ezipapashwe nguRhulumente onephulo lokuncedisa abantu abatsha ababhale iincwadi ngeelwimi ezithethwa eMpuma Koloni. "Le ncwadi siyibhale ngenxa yezinto ezisehleleyo ebomini bethu. Sithe xa sijonga, sabona ukuba ingxaki ayikho kuthi kuphela. Baninzi abantu abaneengxaki eMzantsi Afrika. Sizokuvala loo mathanda ngale ncwadi," utshilo uZindlovu ngelizwi eliqavileyo.
Emva kwakhe, uKhuzani obechwayitile waleke ngelithi: "Ewe, sifuna abantu bangabuncami ubomi. Abantu abaninzi bayazibulala – kodwa ke sifuna ukubabonisa ukuba nathi sisaphila noxa sidlule ebunzimeni. Umntu makangancami ngoba yonke into iyadlula. Ngokufunda le ncwadi, ziza kuvaleka iimfanta ezikhoyo ebomini bomntu." UZukisile uphuma kuMndini ephantsi kweMandileni eyaziwa kakhulu ngenxa kaSaba Mbixane owayengumsasazi owayedumile esaphila.
Yena uKhuzani uzalwa eChwebeni, kwaBhaca eyidolophu yabo bobabini. Baqale ukubhala incwadi yabo befunda eWalter Sisulu University, eseKomani. Njengababhali abaninzi, uZindlovu noKhuzani zange bacinge ukuba bangaze babhale incwadi ngenye imini. Kodwa iimeko zobomi zabahlanganisa bekude namakhaya wabo bakhupha incwadi abafuna ukuqinisa ngayo isizwe.
Umsebenzi omhle abawenzileyo ziziphumo zokuzimisela nokusebenzisana kakuhle kwabo. Baxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba bekunzima ukubhala incwadi ngoba bebexakekiswa nayimisebenzi yesikolo. Enye into ebasokolisileyo kukungabinazo izinto zokusebenza ezifana neLaptop yokugcina umsebenzi wabo uqoqoshekile.
Bekufuneka basebenzise iindawo zikawonkewonke (internet cafe) ezibhatalelwa ngemali ebonakalayo. "Bekunzima ukubhala incwadi yethu ngoba ubusithi xa uthe wabhala ephepheni, kunyanzeleke ukuba uqalele xa limoshekile. Bekulahleka nomsebenzi wethu ngoba xa uphinda into obuyibhalile, ayide ifane naleya ubuyibhale kuqala," utshilo uKhuzani.
Bobabini ababhali bamncomile uRhulumente onceda ababhali abatsha rhoqo ngonyaka kwiphondo leMpuma Koloni. "Yoh, bekunzima kuthi ngoba kupapashwa ngemali. Incwadi ibikhona – kodwa singenayo imali yokuyishicilela. Lisincedile isebe ngoba besingazi ukuba kwenziwa njani. Sidibene nabantu abenze ngathi baza kusinceda kanti ngootsotsi. Lisincede kakhulu isebe," utshilo uKhuzani. Yena uZukisile ulebe ngelithi babamba ngazo zozibini kwisebe.
Related Topics: