I-NPA iye yawarhoxisa amatyala abekwe abatyholwa ababini.
Image: File
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liqinisekise ukuba arhoxisiwe amatyala abekwe amadoda amabini kwasibhozo ayayanyaniswa nokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki kunyaka ophelileyo kweyoMsintsi.
Aye arhoxiswa amatyala abekwe uLwando Abi (33) noZenande Paya (38). Abatyholwa abathandathu abaseleyo nguMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Mawethu Nomdlembu (36), Bonga Hintsa (31), Aphiwe "AP" Ndende (25) noSongezo Vuma (20) nabathe abayifuna ibheyile.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthe ngaphandle kwenkundla ethetha noonondaba eli tyala lalimiselwe ukuze kuqosheliswe uphando. "Njengoko uphando lugqityiwe kwaye nesimangalo sibhaliwe, ezinye zeenkcukacha ezithe zaphuma kuphando zinyanzelise ukuba izityholo zirhoxiswe ngakubo bobabini abatyholwa. Lo nto ayithethi ukuba abanye baza kuphuma bengenatyala, koko kukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka," utshilo uTyali.
UTyali ukwaqinisekise ukuba aba batyholwa bobathandathu bongezelelwe amatyala emva kophando olubayayanyaniswa nokubulawa kosopolitiki uMncedi Gijana KwaBhaca kunyaka ophelileyo ngenyanga yeThupha. "Kukwakho netyala lokuxhwila kuba abantwana bomfi baxhwilwa bagcinwa kwigumbi elinye ngenkani" utshilo uTyali ngaphandle kwenkundla.
Eli tyala lihlehliselwe inyanga ezayo, umhla weshumi elinesine kuTshazimpuzi 2025, laze ladluliselwa kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha.
Related Topics: