Intetho yohlahlo lwabiwo mali kaMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ilindelwe ngabaninzi.
Image: File
Olilungu lePalamente lombutho wabasebenzi kweli, iCongress of South African Trade Unions (Cosatu), uMatthew Parks, uthi balindele ukuba uEnoch Godongwana enze intetho yohlahlo lwabiwo mali ebonakalisa uvelwano kubasebenzi nakubantu abahluphekayo.
"Silindele intetho yohlahlo lwabiwo mali ezakubonakalisa uvelwano kubasebenzi nakubantu abahluphekayo beli, ukuze ikamva lenze ukuba abasebenzi babenemali yokuphila," kutsho uParks.
UMphathiswa weSebe leziMali kweli, uEnoch Godongwana, kulindeleke ukuba othule intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali ngoLwesithathu umhla weshumi elinesibini kule nyanga.
Le ntetho ibuya emva kokuba yathi yanqunyanyiswa ngomzuzu wokugqibela kwinyanga ephelileyo ngenxa yokuba kukho ukungaboni ngasonye malunga nokunyuswa kwerhafu iVAT ngamanye.
UParks uthi urhulumente makenze amanye amacebo okuhlangabezana neengxaki zemali kweli, bathi bayakuchasa ukunyuswa kwerhafu.
"Zininzi iindlela anokuthi urhulumente azenze ukusombulula iingxaki zakhe, umbuthi werhafu makaqokelele le mali ingekaqokelelwa etyalwa ngabantu kuvalwe ezo zikhewu," ubongoze watsho uParks.
Kuthiwa intetho yohlahlo lwabiwo mali iza kwenziwa ngemali eyabiweyo eqikelelwa kwiitriliyoni ezintandathu zeerandi eziphuma kwingxowa mali yesizwe. "Abantu beli mabaqheliswe ukuthobela imiqathango yokuhlawulwa kwerhafu ngokwendlela umbuthi werhafu afuna ukuba kwenziwa ngayo, naye umbuthi werhafu (SARS) makayiphathe ngendlela imali yabantu," ugadlele watsho uParks.
Owayesakuba yingcali-manani jikelele kweli, uPali Lehohla, yena wacebisa ukuba kungabolekwa mali kumazwe okanye imibutho yangaphandle.
Ukunqunyanyiswa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali kubangele isankxwe esimandla kweli kwabezopolitiko bebika imbiba bebika ibuzi.
Ukuphunguka kwenkxaso yeANC ePalamente kazwelonke emva kolonyulo lonyaka ophelileyo kuvule inyoba kwimibutho ephikisayo ukuba iyibambe ngobhongwana iANC ingakwazi kuthatha izigqibo ezithile iyodwa.
Related Topics: