UKholiswa Mda ngumphathi kwiivenkile zakwaShoprite.
Image: Shoprite
Ukuzimisela entweni oyenzayo kunomvuzo omhle ebomini. Loo mazwi achaza ncamashi okwenzeke ebomini bukaKholiswa Mda ongumphathi omkhulu wenkampani enkulu eChris Hani District, eMpuma Koloni.
Wahlala iminyaka emithathu engenzinto emva kokupasa kwakhe imatriki, umhlobo kaMda ogama linguLulama Gqoli wathi makafake isicelo somsebenzi wokupakisha izinto zabathengi kwaCheckers ozinze eNahoon, eMonti.
Ngokwenene wayenza lo nto uMda okhulelele eMdantsane ngokukhulu ukuzimisela engazi ukuba ubomi bumphathele ntoni. Ngenxa yokusebenza kwakhe kakuhle, uMda wanyuselwa wasebenza eMoney Market. Kwathi kungaphelanga nonyaka, abaphathi bakhe bathi makasebenze eCash Office – apho kuphicothwa khona imali yenkampani.
Wanyuselwa nalapho phambi kokuya eKomani – apho waye wangumlawuli kwicandelo leempahla ezifikayo evenkileni (Receiving Admin). Ngonyaka ka2012, uMda waqeqeshelwa ukuba ngumphathi emva koko wangumlawuli wevenkile. Yaba yinto enkulu leyo kuKholiswa owaqala engumsebenzi wokupakisha iimpahla zabathengi ezithilini (Till packer).
Ngonyaka ka2018, watshintshela eCradock ukuze abe kufutshane nosapho lwakhe. Emva kweminyaka emibini wenziwa umlawuli wooShoprite abakummandla waseChris Hani. Loo ndawo ifaka phakathi iidolophi ezifana neNgcobo, iTsomo, iLady Frere, iKomani, Indwe, iCradock neMiddelburg.
Ibali likaMda liyambhenca ukuba ungumntu okhutheleyo, onxanelwe impumelelo futhi ongadlaliyo ngethuba xa elinikiwe. “Yonke imihla siqubisana nezinto ezintsha apha. Nam ndiyayithanda lo nto,” utshilo uKholiswa kwingxelo ekhutshwe nguShoprite.
Njengokuba uShoprite eyenye yeenkampani ezinkulu eMzantsi Afrika, neengxaki umntu ajongana nazo zininzi. Uyakholwa yilo nto uKholiswa. “Apha kulo umsebenzi iintsuku azifani futhi yonke into ihamba ngokukhawuleza,” itshilo intombi yakwaMda ezimisele ukuphinda ifunde ukuze inyukele kwinqanaba elingasentla.
“Maninzi amathuba akhoyo kule nkampani abekelwe abantu abatsha. Kuxhomekeka emntwini ukuba ufuna ukuqala phi,” utshilo uKholiswa ofuna ukunqandwa ziinkwenkwezi.
Related Topics: