UNkosi Zweloxolo Stokwe wamaQwathi eAskeaton eCala.
Phakathi kweeNkosi zeli phondo ezithe zakhuthazwa kumsebenzi wazo wokuphuhlisa uluntu, uNkosi uZweloxolo Stokwe wamaQwathi eAskeaton eCala ufumene imbasa. Ezi mbasa zasungulwa nguNanziwe Rulashe ngeenjongo zokuqaphela umsebenzi omhle weeNkosi.
Kunyaka ophelileyo abantu banikwa ithuba lokuba bangenise amagama eeNkosi ezityunjwayo ngenxa yomsebenzi wazo ekuhlaleni.
“Nam ke ndifumanise ukuba igama lam livela kwiindidi ezintathu kuphuhliso loluntu, kwezolimo nakuphuhliso lolutsha, ndivotelwe kakhulu ke ngokusebenza nolutsha,” kucacisa uNkosi Stokwe.
Uthi uhambe ecela abantu ukuba bamvotele ukuze aphumelele kweli linge.
“Kweminye imisebenzi yam kula nqila ndikuyo ndingabalula ithala leencwadi, nokunceda abafundi ngezinto ezisetyenziswa ngamantombazana xa esexesheni, sikwavulelwe iofisi yamapolisa phaya ekhayeni eAskeaton,” utsho uStokwe.
Kwiinzame zokulwa isithukuthezi kulutsha, uNkosi Stokwe waqalisa iphulo lokukhuthaza ulutsha ukuba lungene kwezemidlalo. “Ukubiwa kwemfuyo nolwaphulomthetho yenye yezinto eziphambili esiziqwalaselayo, ukanti nakumcimbi wolwaluko siyangenelela ukukhuthaza abazali ukuba bathathe uxanduva lweentsana zabo,” kucacisa uStokwe.
“Ndibulela kakhulu ke kubantu abathe bandivotela, xa usenza into encinci ngothando ukhona umvuzo,” kutsho uStokwe. Uqhube wathi, “Imbasa le ibihamba nemali endingenakuyichaza ke ukuba ibiyimalini, kodwa ewe ikhona into ehamba nembasa.”
UNkosi Stokwe yenye yeeNkosi eziphuma kwizandla zikaNkosi uNgangomhlaba Mathanzima wamaHala ongasekhoyo. IiKumkani eziquka uKumkani wamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase beziyinxalenye yomcimbi wokukhutshwa kwezi mbasa eMonti.
Amaxesha amaninzi iiNkosi zigxekwa kungekho nkuthazo namalinge okuzivula imehlo kumsebenzi ekumele ukuba uyenzeka.
Related Topics: