UMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane yinkulumbuso yaseMpuma Koloni. Umfanekiso: Facebook
URhulumente wephondo leMpuma Koloni uzibophelele kuhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi emitsha. Oku kuthethwe yinkokheli yephondo, uMnu. uLubabalo Oscar Mabuyane, ngethuba ewisa intetho yakhe yokuvula unyaka ka2025 ayiwise kwiNdlu yoWiso-Mthetho ngemini yanamhlanje eBhisho.
Njengokuba uqoqosho loMzantsi Afrika lungakwazanga ukukhula eminyakeni engaphaya kweshumi edlulileyo, iMpuma Koloni iqhokreke ngamandla lo nto yenza kwakho ukufuduka kwabantu abatsha abaye kwamanye amaphondo.
UMabuyane uthe njengokuba abantu abasebenzayo eMpuma Koloni bekwisigidi esinamakhulu amane (1.4 million), uRhulumente wakhe uzimisele ukwandisa inani labasebenzi liyokutsho ngaphezulu kwezigidi ezibini.
Ithemba lakhe liqiniswe ziziphumo zikaStats SA ezithe kwikota yokugqibela kunyaka ka2024, iMpuma Koloni ikwazile ukuvelisa imisebenzi engamawaka angamashumi amabini. Uthe uSETA uza kuqeqesha abantu abatsha abakumashumi amathathu anesixhenxe amawaka kumacandelo ohlukeneyo oshishino.
INkulumbuso ithe uRhulumente uza kuqala inkqubo entsha eza kukhokelwa liSebe leMfundo eSisiseko enjongo zayo kukuxhamlisa amashumi amabini anesibhozo amawaka abantu abangasebenziyo. Ngaphezulu koko, kukho ikhulu elinamashumi asibhozo labantu abatsha eliza kuqeqeshwa kwicandelo lokupheka ukutya.
Uthe ingxowa enceda ulutsha kwezoshishino, Isiqalo Youth Fund, iza kwandisa utyalomali luye kwikhulu elinamashumi amathandathu anesibhozo ezigidi zeerandi (R168 million) eminyakeni emithathu ezayo.
Icandelo lezolimo, elentsangu nelemveliso yeemoto zezinye zeendawo ekulindeleke ukuba sincede iMpuma Koloni nakubeni kukho isigrogriso lerhafu enokongezwa kwiimoto eziphuma eMzantsi Afrika kwimakethe yaseMelika phantsi kukaRhulumente okhekelwa nguDonald Trump. Ukuba ingenzeka lo nto, iMpuma Koloni ingachaneka ngoba inamashishini avelisa iimoto ezithunyelwa eMelika.
Related Topics: