UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana.
Oyingcali yezimali nohlahlo lwabiwo mali kwaKPMG, uFrank Blackmore, uthi akukho nto ingako intsha enokulindelwa kwintetho yohlahlo lwabiwo mali yoMphathiswa weziMali kweli uEnoch Godongwana ngomso, umhla weshumi elinethoba kule nyanga.
Minyaka le uluntu loMzantsi Afrika luhlala lunethemba ngaphambi kokwenziwa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali nasemva kwalo.
Oku kukuchakwa kweemali ezithi zigalelwe kumaSebe kaRhulumente ukuze kuqhutywe kugqithiswe iinkonzo eluntwini kunyaka mali olandelayo.
“SinguKPMG asilindelanga nguqu ingako malunga nokuchakwa kwemali, silindele ukunyuka kwerhafu nanjengoko eli sele linezinga eliphezulu lerhafu, ukunyuka kwezibonelelo ezinikwa abantu okusele kuqhelekile nako entlalweni,” kutsho uBlackmore.
UGodongwana ujongwe ngamehlo abomvu ngabezoshishino, abezolimo, abafundi kwakunye noluntu ngokubanzi malunga nemali azakuzigalela kumaSebe ahlukeneyo.
Abafundi bahlala bekhala ngemali yokufunda abayinikwa nguNSFAS abayichaza ukuba ayanelanga ukujonga neemfuno zabo, eyokufunda kwakunye neyeendawo zokuhlala nokutya.
“Silindele ukuba uGodongwana achaze izixamali eziza kusetyenziswa kwezinye zezithembiso ebezenziwe nguMongameli uCyril Ramaphosa ukuze zikwazi ukuqhutyelwa phambili, ezo ziquka inguqu kwindlela ekunikwa ngayo ooMasipala imali,” utsho uBlackmore.
UMphathiswa uGodongwana wothula le ntetho eli loMzantsi Afrika lijijisana nengxaki yokugrogriswa ngurhulumente waseMelika malunga nokupheliswa kwenkxaso mali yeUSAID.
“Kumele ukuba uGodongwana athethe ngesixa mali esiza kusetyenziswa ukuqhubela phambili inkqubo entsha yeNational Health Insurance nezinye iinkqubo ezintsha athembise ngazo urhulumente,” uhambisa atsho uBlackmore.
Umbutho wamafama iAgriSA ibibonise ithemba kwintetho yesiqingatha sonyaka ethe yenziwa nguGodongwana kunyaka ophelileyo.
Umlawuli weAgri SA uJohann Kotze uthi ukulungiswa kweziseko kunganceda ukukhulisa ezolimo kweli. “Ukukhula kwezolimo kuxhomekeke ngamandla kwiziseko ezisemgangathweni eziquka iindlela, umbane nezinye, ukuba azihambi kakuhle asinakukhula singamafama,” kutsho uKotze.
Related Topics: